Isidumbu kwilali yaseWesley, eNgqushwa!

Abahlali belali yaseWesley eNgqushwa kwindawo ekufunyenwe kuyo isidumbu namhlanje UMFANEKISO: Sisonke Mlamla

Balugcwabevu ngumsindo abahlali baseNgqushwa
kwilali yaseWesley, ngenxa yokuvuswa sisithwakumbe sokugetyengwa komnye wabahlali bale lali.

Ixhoba, eligama linguKhanyile Malman lifunyenwe itshoba lilel’ umbethe.

Esi sithwakumbe sehle ngentseni yanamhlanje,
apho ixhoba lifunyenwe lidunduluzile kwiingxondorha eziphakathi kwemizi linenxeba ezantsi komlomo, kucaca ukuba ligwintwe
ngocelemba.

UMandilakhe Dyaso ongumhlali kule ngingqi, nokwangomnye wabamelwane bexhoba, uthe esi senzo siyoyikisa ngokuba le ndawo
yenzeke kuyo yindawo abanqumla kuyo mihla le, ekwabongoza ukuba
urhulumente abancede ngokusondela kuditywe ezi ngxondorha.

“Ubundlobongela abulunganga, ndiyacela, ndibongoza abesipolisa ukuba basondeze iinkonzo zesipolisa eluntwini ukulwa
nezi zikrelemnqa,’’ utshilo omnye ongumhlali kule ngingqi uAnenjongo Silo.

Abahlali balugcwabevu ngumsindo
besithi othe wafunyanwa makabulawe, abanakuhlala nezikrelemnqa.

Othethela amapolisa uCaptain Mali Govender, uthe umenzi akakafunyanwa, ityala lisaphandwa, othe wanolwazi ancede
aqhagamshelane nesikhululo samapolisa akufutshane, kungenjalo aqhagamshelane
nabo kule nombolo 086010111, ekwabongoza ukuba ”abahlali bangoyiki lowo uthe
wanolwazi sizakumkhusela simfihle angaziwa.”