Isidumbu sibelixhoba loonoteksi

UKatana Dotwana waseNU 1 eMdantsane ubelixhoba loqhankqalazo labanikazi nabaqhubi beeteksi nangona engasekho.

Umzimba wale ndoda ugagene nobushushu bolu qhankqalazo ngethuba ubusendleleni eya kumangcwaba aseMdantsane.

Othethe egameni lolu sapho uNomonde Kettledas uthi bakhathazekile yinto eyenzeke kuntakwabo.

“Asinanto yokwenza nolu qhankqalazo lweeteksi kodwa umkhumbi ubuthwele umntakwethu aba bantu banyanzelise ukuba wothulwe kwisithuthi sabangcwabi besithi masihambe ngeenyawo,” uthethe watsho uDotwana.

Olu sapho luthi luhambe into engaphezu kweekhilomitha ezine ukuya kufika emangcwabeni.

Uqhankqalazo lwabaqhubi nabanikazi beeteksi eMpuma Koloni luchaphazele uninzi lentlalo ukuquka kubafundi, iinkampani zoshishino, abasebenzi bakarhulumente ngokubanzi.

“Siqale ukungcwaba emva kwentsimbi yokuqala. Umgama esiwuhambileyo awuzange uhanjwe ngabantu baphethe ibhokisi,” utsho uDotwana.

Inkampani yabangcwabi iyalelwe ukuba ishiye lo mzimba esithubeni laza eli khaya lazibonela ukuya emangcwabeni benethwa ngaloo mathontsi emvula ebengayekanga.

Uqhankqalazo lweteksi luqale ngentseni ngoLwesine, abaqhubi nabanikazi beeteksi begqithisa umqulu wabo wezikhalazo kurhulumente wephondo.

Ukanti inkokheli yombutho weeteksi kweli iSANTACO uSiyanda Mbanjwa ucele uxolo kwabo bathe bachaphazeleka ngendlela ebuhlungu kolu qhankqalazo. “Sicela uxolo kubo bonke abantu abathe beva kabuhlungu ngenxa yolu qhankqalazo, kuba nathi senza oku ngenxa yokuba silwela isonka sabantwana bethu asinanjongo, kwaye asikuxhasi ukubethwa nokuphazanyiswa kwabantu ezindleleni,” ucacise watsho Mbanjwa.

Ukanti inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle uthembise ukuba izakusonjululwa le ngxaki.

“Sele sithethile nabanikazi beeteksi kwaye sizakuqhubela phambili nothethwano,” kuthembisa uMasualle.