Isidumbu sithathelwe amalungu omzimba!

Amalungu osapho uLulama Marikeni, Siphokuhle Marikeni kwakunye noKoki Ramakatsa basothukile sesi sehlo

Usapho lakwaMarikeni kwilokishi yaseSunnysouth eMonti lisakhwankqisekile sisehlo esithe senzeka.

Ngomhla wesithoba kule nyanga imileyo, intombi yolu sapho enguZintle Marikeni iswelekele kwisibhedlele iMpilweni emva kokuba ibingeniswe esibhedlele ngenxa yokungaphili.

Omnye wabasebenzi kwesi sibhedlele utsalele umnxeba usapho lakwaMarikeni efuna ukuqonda ukuba basebenzisa abaphi na abangcwabi.

Ngokutsho kosapho luye lwaxela ukuba abanawo umbutho wabangcwabi aboyame kuwo. Isibhedlele iMpilweni sixelele abangcwabi bakwa-Integrity ukuba bazokuthatha umzimba.

Usapho luxelelwe nalo laze lavuma ukuba umntwana walo makagcinwe apha ngoku kusalindwe usuku lokungcwaba. Ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kule yoMqungu ibisisingcwabo sikaZintle, engcwatyelwa eSunnysouth.

Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ngeCawa, usapho luvuke lwaya emadlakeni luyokujonga idlaka ukuba lisahleli kakuhle na njengoko bekungcwatywa ngezolo.

Ngokutsho kukatata wekhaya uKoki Ramakatsa, xa bekungcwatywa umntu ngezolo bona belusapho bavuka bayokujonga umntu wabo ukuba usalele kakuhle na.

“Singabantu abasalandela izinto ezazisenziwa ngootatomkhulu bethu mandulo. Ndiye ndavuka apha ekuseni ngentsimbi yesithandathu, ndacela uSiphokuhle ongunyana owalekela uZintle ukuba makandikhaphe siye emadlakeni. Sithe xa sifika kwabonakala ukuba umhlaba wedlaka uvunguziwe. Iintyantyambo ebezingaphakathi engcwabeni zingaphandle. Athi uSiphokuhle inokuba ziinkomo bezigquba kodwa ndiye ndamphikisa ngelithi hayi ukhona undonakele apha, kuba ndibone umzila wamavili emoto kwakunye nemizila yeenyawo zabantu. Siye sayokuxelela abahlali ngale nyewe. Kuye kwaboniswana ukuba makuxelwe emapoliseni nakwamasipala,” utsho uRamakatsa.

Umasipala uligrumbile ingcwaba ngoLwesibini. Kufikwe intloko, amabele, ubuntombi, isandla sasekhohlo, unyawo lwasekhohlo kwakunye nentliziyo – onke loo malungu engekho.

Amapolisa aye awuthatha umzimba awuphindisela kumzi wezidumbu karhulumente nalapho kuseza kwenziwa khona uvavanyo lweDNA. Umama kaZintle, uLulama Marikeni, uthi udandathekile yinto eyenzeke emntwaneni wakhe.

“Zange ndayiva into yokuba umntu angcwatywe engaphelelanga. Umntwana wam uza kungcwatywa kabini. Yintoni le indehlelayo? Aba bangcwabi bakwa-Integrity andibakhuphi tu kule nto. Kudala sangcwaba apha zange kwenzeka izinto ezigwenxa. Ndifuna ukwazi ukuba asiwephi amalungu omzimba kaZintle. Ngoku singcwabayo intloko ibikhona yona kuba kusasa uthe usafika umzimba sawubona. Apho ndingaziyo kulapha kwamanye amalungu omzimba kuba awuveli wona xa kubonwa umntu,” utshilo.

Umnikazi wabangcwabi bakwa-Integrity, uDenzel Fuller, uthi uyothuka kakhulu ukuba usapho lakwaMarikeni likrokrele yena kwinto ethe yenzeka kwisidumbu.

“Bubuvuvu nje obu buthethwa lolu sapho. Ndinento yokwenza nobuthi mna? Banabo ubungqina bale nto bayithethayo? Xeshikweni kugrunjwa umzimba bendiphaya ndiyokunika inkxaso kusapho nakwizinto ezinokuthi zibe yimfuneko. Ndibaxelele ukuba ndiza kubangcwabela simahla umntwana wabo xa ephinda engcwatywa. Ngoku iyandothusa le nto bayithethayo kwaye iza kundenza ndirhoxe ekubancedeni. Bebengenamali yokuya emapoliseni nasedolophini ndabanika imali.

Ndiza kuthetha namagqwetha am andiphicothele le nyewe,” utshilo uFuller.

Isithethi samapolisa eMpuma Koloni, uCol Sibongile Soci, uyavuma ukuba kukho ityala elivuliweyo malunga nokugrunjwa kwengcwaba.

“Ngomhla wamashumi amabini anesithoba kweyoMqungu lo mzimba ugrunjiwe wafunyanwa unamalungu angekhoyo. Siyacela kuye nabanina onokuthi abe nolwazi axelele abecuphi baseKidds Beach kule nombolo 043 781 1500 okanye bakrwece uSAPS Crime Stop ku08600 10111 kungenjalo kuCrime Line 33221. Sisaqhubekeka nophando,” utshilo uSoci.