Isifo sentliziyo siyawagqiba amakhosikazi

ISIFO sentliziyo okanye iCardiovascular Disease (CVD) sesona sifo sikwindawo yokuqala esingunobangela wokubhubha kwamakhosikazi.

Abalelwa kwisigidi amakhosikazi abhubha phambi kwexesha ngenxa yesi sifo.

Iingcaphephe zemigaqonkqubo neenzululwazi kwihlabathi liphela zishukuxe inyhikityha ebangelwa sesi sifo kwinkongolo yehlabathi (World Congress of Cardiology and Cardiovascular Health) ebanjelwe kwilizwe laseMexico. Le nkongolo (http://www.world-heart-federation.org/wcc-2016) iqale ngomhla wesine kule nyanga, kwaye izakuqosheliswa namhlanje umhla wesixhenxe.

Iingxelo zithi amalunga nama-200 000 amakhosikazi athe abhubha eAfrika ngo2013 ebulawa zizifo ezinxulumene nentliziyo (CVD). Iingcaphephe zikwalumkisa ngelithi kungabhubha amakhosikazi angama-300 000 ngo2025 ukuba akukho zinquleqhu zenziwayo ukunqanda le nyhikityha.

UJohanna Ralston ingqonyela kumbutho wehlabathi iWorld Heart Federation uthe: “Ukukhusela nokulawulwa kweCVD kumakhosikazi yeyona nto engundoqo ukuba sizimisele ukwehlisa izinga lokubhubha ngenxa yeCVD ngomyinge wamashumi amabini anesihlanu ekhulwini (25%) ngo2025. kufuneka sifundise abo basebenza kwicandelo lezempilo khon’ ukuze amakhosikazi azi banzi ngezona zinto anokuziqaphela ngesisifo.”

“Uninzi lwamakhosikazi lucinga ukuba isifo somhlaza sesona sinobungozi kakhulu, kodwa ke akunjalo kuba esona sifo siyingozi seso sinxulumene nentliziyo,” kutsho uRalston.

Iimpawu zesifo sentliziyo kumakhosikazi zahlukile kwezo zootata kwaye oku kungunobangela wokungaqapheleki kwamsinya okanye kucingwe ukuba sesinye isifo.

Umbutho iHeart and Stroke Foundation South Africa uthi inkosikazi enye kulawo mane, aphambi kweminyaka engamashumi amathandathu (60), iba nesifo sentliziyo. Amathuba okufumana isifo sentliziyo kumakhosikazi maninzi kakhulu emva kokuyeka ukuya exesheni (menopause).

Iimpawu zesifo sentliziyo onokuziqwalasela ziquka iingqaqambo okanye ukungakhululeki esifubeni, ukushokoxeka komphefumlo, iinyawo ezidumbileyo, isizaphuzaphu (nausea), ukudinwa, ukubethela phezulu kwentliziyo kwanokuqaqanjelwa sisisu.