Isifo seswekile siyagqugqisa kwilizwe jikelele

YILWA ISWEKILE

·Iimpawu zesifo seswekile ziquka ukufuna ukuya kuchama rhoqo, unxano olungamandla, ukuhlala urhalela ukutya, ukuphulukana nomzimba wakho wesiqhelo, ukuziva udiniwe, ukudideka kwengqondo, urhatyazo emehlweni, ukuphola kade kwesilonda onaso, ukurhawuzelelwa, ingakumbi ngakumalungu asese.

· Abantu abangaphezulu kwiminyaka ekumashumi amane anesihlanu (45), bayakhuthazwa ukuba bahlolise iswekile yabo rhoqo kwiminyaka emithathu ubuncinane. Yitya ngokusempilweni

·Ukutya okusempilweni okunemifuno neziqhamo ezininzi, ukunciphisa izinto ezineswekile eyongezelelweyo kwakunye namafutha angekho mpilweni, kungaluncedo ukuthintela udidi lwesibini (type 2) lwesifo seswekile, kwaye oku kuyanceda ekulawuleni esi sifo. Hlala udlamkile

· Ukuthintela udidi lwesibini lwesifo seswekile kwaye ulawule esi simo, zama ukuzilolonga into ekwimizuzu engama-30 kwiintsuku zeveki. Musa ukutshaya

· Ukutshaya kunye neswekile kudala iziphumo ezinobungozi, oku kuye konakalise imithambo ehambisa igazi, ze konyuse umngcipheko wesifo sentliziyo. Landela umyalelo wezonyango

· Ukongeza kokokuphila kukhethekileyo, kukuthabatha loo machiza uwanikiweyo ngugqirha kwaye uzame ukulawula ezinye izigulo ukuze uphephe ezinye iingxaki ezingadaleka.

Amanani aphezulu wabantu abaphila nesifo seswekile, ngokunjalo nokwenyuka kokungena kwamatyala amatsha wesi sifo, kuzoba umfanekiso oyinkxalabo kwinkonzo yezonyango, kumalungu wokuhlala kwakunye nakubemi boMzantsi Afrika jikeleles.

Iinkcukacha-manani zibonisa ukuba baqikelelwa kwizigidi ezibini abantu abaphila nesifo seswekile kweli lizwe, uninzi kubo luphakathi kweminyaka engama-20 nama-79, kwaye iindlela zabo zokuphila kuthiwa zizo ezikhokelele ekuqaleni kwesifo seswekile.

Abe- International Diabetes Federation bathi inani labantu abanesifo seswekile lithe gqolo ukukhula minyaka le.

“Oku kukhula kwesifo seswekile koyanyaniswa nokukhawuleza kokutshintsha kwezentlalo, ukukhula ngokweminyaka, ukukhula kwentlalo yasezidolophini, ukutya okungekho sempilweni nokungalolongi umzimba,” utshilo lo mfela-ndawonye.

Isebe lezempilo lithe ukutshaba kunye neengxaki ezininzi ezenziwa sisifo seswekile kungathinteleka. Ukuqinisekisa ukuba oku kwenzeka kusengethuba, amaziko okhathalelo lwempilo yoluntu agqibe kwelokuba afake ukuqhutywa kweemvavanyo kwizigulana ezizele nasiphina isigulo.

Isifo seswekile sichaphazela ihlabathi jikelele, kwaye ukunika ingqwalasela kumhla wehlabathi wezempilo (ngomhla we-7 kuTshazimpuzi), iZizwe Ezimanyeneyo (UN) zibongoze onke amazwe ukuba aqwalasele isifo seswekile phantsi komxholo othi ‘Halt the rise – beat diabetes’.

Ngokutsho kombutho wezempilo wehlabathi (WHO), bangaphaya kwezigidi ezingama-350 abantu abaphila nesifo seswekile kwilizwe jikelele, kwaye elinani kulindeleke ukuba liziphinde kubini kwiminyaka engama-20 ezayo.

Ukufa kubetha ngaphaya kwezigidi ezibini ngonyaka, ithi iWHO: “Ngaphaya komyinge wamashumi asibhozo ekhulwini wala matyala okufa, enzeka kumazwe anengeniso esezantsi naleyo isembindini.

“EMzantsi Afrika, kungenzeka ukuba umntu wesibini kwabalishumi unesifo seswekile, ingakumbi kubantu abakwiminyaka engamashumi amathandathu nangaphezulu. La manani nokonyuka kwawo unyaka nonyaka kuyoyikisa, zitsho iingcali zempilo.

“Awakhokeleli kuphela kwimpilo engekho ngcono, ukhubazeko, ukufa okusisiquphe, kodwa anefuthe nakwiindleko zonyango nokuphulukana nemveliso,” itsho njalo iHeart and Stroke Foundation of South Africa (HSFSA).

Besithi nabo bangathanda ukunika ingqwalasela kwesi sifo, ingqonyela yalo mbutho uGqr. Vash Mungal-Singh uthe, bafuna ukuvundlisa uluntu ngesi sifo kwakunye neziphumo saso, kwaye ngokunjalo bajonge neendlela zokunqanda ukukhula kwaso.

“Isifo seswekile kunye nesifo sentliziyo zinobudlelwane, ngokuba kwiswekile, uxinzelelo olude oluphezulu lweswekile, lunganefuthe ekusebenzeni kwamalungu athile emzimbeni,’’ wongeze ngelo.

Oku kubangela ukonakala kwemithambo, ukudodobala kwezintso, ukungaboni, ukutyhafa kwamalungu nolosuleleko kwakunye nokushunqulwa komlenze.

“Noxa kunjalo, isifo sentliziyo kunye nesifo secala zezona zibulalayo kwabo baphila nesifo seswekile, isifo seswekile siphinda-phinda umngcipheko wesifo sentliziyo okanye isifo sokufa icala,” utshilo uMungal-Singh.

Uthe iswekile ingoyiswa, nanjengesifo sentliziyo kunye nesokufa kwecala. “Zingathintelwa ngokuphila ngendlela ekhethekileyo, kwaye kwabo sele benesifo seswekile, inganyangeka kwaye ilawulwe ukuze ingadali iingxaki ezingezinye.

Apho bekugxilwe khona kwimibhiyozo yalo nyaka yokuqwalasela iWorld Health Day -bikukujonga ukuba zintoni ezikhokelela ekukhuleni kwesifo seswekile, iWHO ithe, iindlela zokuthintela, zokujonga kwakunye nokunyanga isifo seswekile kufanele ziziswe ngaphambili