Isifundo ngobomi bukaKumkani uHintsa (Aah! Zanzolo!)

USamkelo Janda uSodolophu woMasipala waseMbhashe ethetha ngeenkqubo zabo zale nyanga. Umfanekiso: Mbhashe Local Municipality

Kwiinzame zokuthatha inxaxheba kwiinkqubo zale nyanga yamasiko nezithetha, uMasipala waseMbhashe uzakuqhuba isifundo sokukhumbula ubomi beKumkani yamaXhosa uKumkani uHintsa.

Kuthiwa esi sifundo siyinxalenye yenkqubo ebanzi ekuzakuthi kugxilwe kuyo ukukhumbuza amasiko nezithethe nezinto zonke ezililifa kubantu balo Masipala. Lo Masipala umisele umxholo othi, ilifa laseMbhashe, bekhangela bekwanika imbeko kumzila wembali yezinto ezililifa kubantu kuquka namasiko nezithethe.

USodolophu wala Masipala uSamkelo Janda uthi kuninzi okuzakuqhubeka de kuphele le nyanga. Le nyanga yoMsintsi yamiselwa ngonyaka ka1996 ukuba ibe yinyanga yokukhumbula nokuhlonipha izinto ezililifa eziquka amasiko, izithethe nezinye.

UKumkani uHintsa wanqunyulwa intloko yimikhosi yamaNgesi emva kokujijisana nawo ekhusela umhlaba wesizwe samaXhosa phezu komlambo iNqabarha.

“Umcimbi wesifundo sokukhumbula ubomi bukaKumkani uHintsa uzakuba usenziwa ukhokelwe lisebe lezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko ephondweni,” kutsho uJanda.

Kukho umboniso weemveliso zolimo, indibano engesizwe samaBomvana eXhorha, umnyhadala womculo neminye imibhiyozo.

Amathambo weeKumkani zesizwe samaXhosa eziquka uXolilizwe Sigcawu kwakunye nonyana wakhe uZwelonke Sigcawu alele kule ngingqi.

“Umcimbi wenkciyo wona uzakuqhubeka komkhulu eNqadu ngeenjongo zokukhuthaza amantombazana asakhulayo ukuba ahlale enyulu, nokuze akwazi ukuzikhusela kwizifo eziquka ugawulayo,” kutsho uJanda.

Idabi laseLurhwayizo likwayinxalenye yezikhumbuzo ezizakuqhutywa kwesi sithili sobuKumkani bamaXhosa. AmaNgesi ayithathela kuwo intloko kaKumkani uHintsa nekusakholelwa ukuba yaphelela kwelamaNgesi kunanamhla.

UNjingalwazi uNcedile Saule ukhe walinikwa ithuba lokuba enze intetho yesikhumbuzo ngobomi bukaKumkani uHintsa wamaXhosa. Aah! Zanzolo!