Isigadla sisube imiphefumlo emine

Ubutyobo bezithuthi, eziquka esesebe lezamahlathi nolimo emva kokugilwa sisigadla sakwaVSB Logistics kumagophe aya ngakumlambo uMzimvubu kwaBhaca. Umfanekiso: Umbhali Wethu

Kusweleke abantu abane, ze amashumi amabini anesibini aleqiswa esibhedlele emva kokuba isigadla esiqhawukelwe ziziqhoboshi sitshayise izithuthi ezilishumi elinesibini kuhola uN2 kufutshane nomlambo Umzimvubu kwaBhaca. 

Ingxelo ithi, isigadla sakwaVSB Logistics besisendleleni esuka kwicala langaseKokstad, saze soyiswa ngamagophe aya ngakumlambo uMzimvubu, satyhutyha indlela, silahla izitena ebesizilayishile, phambi kokuba singene kwizithuthi ebesihlangabezana nazo, ezivela kwicala elisuka ngakwaBhaca. 

Phakathi kwezithuthi ezishiyeke apho zibubutyobo bekukho nemoto yesebe lezamahlathi nolimo eluhlobo lweToyota.

Ozibonele ngamehlo uMaliviwe Zibi uthi ubone esi sigadla sisiza ngesantya esiphezulu, sibonakala ngathi asilawuleki, yasiphepha enye iloli ebikufuphi kuso. “Kodwa kutheni kusenjalo seva ngesithonga, xa siphuma sikroba kwabe sekububutyobo. Sisinde nje ngenceba nathi,” utshilo uZibi.

Umqhubi wesigadla uKenneth Botha uthe; “Ndiqaphele ukuba iziqhoboshi azisebezi ndazama ukusilawula kodwa ngelishwa sayakungena kwizithuthi ebezikweli cala. Ndibuhlungu kwaye ndivelana kakhulu neentsapho zamaxhoba.”

Umqhubi uthathwe ngamapolisa kwindawo yentlekele kwiinzame zokufumana iimpendulo. Amaxhoba aqikelelwa phakathi kweminyaka engamashumi ukuya kwengamashumi amahlanu.