Isiganeko esibuhlungu kwakhona kuCentane!

Iintsapho zamantombazana amathathu aginywe lulwandle kwilali yaseChebe kuCentane ekunye neendadi zaseMonti ngethuba zikhangela amaxhoba. Umfanekiso: Cap. Jackson Manatha

Iseziindaba ezingakholelekiyo kuluntu lwaseChebe kuCentane emva kokutshona ngesaquphe kwamantombazana amathathu eyokuqubha elwandle kule lali.

Ngokwengxelo, la mantombazana ebemathandathu ewonke ukuya elwandle. Ingxelo ithi la mathathu ebesathatha imifanekiso ngethuba kutshona oogxa babo abathathu ngesaquphe.

Kula mantombazana, amabini ngawomzi omnye, uThimna Tshomela (14) noSisenakho Tshomela (13) kwanomhlobo wabo uLiyabona Gagu (14).

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi esi sithathu besiqubha kolu nxweme emva kwemini ngoMgqibelo.

“Iindadi zamapolisa zibakhangele imini yonke ngoMgqibelo kodwa zabuya nelize. Sithetha nje zisaqhubekeka nephulo lokukhangela nangona nje bengekabhaqeki,” utshilo uManatha.

Ingxelo ithi ukusukela ngoMvulo nangoLwesibini, iintsapho zala mantombazana ziyile elwandle ziyokungxengxeza kwabalele ukuthula njengoko kusenziwa njalo ngokwenkolo yakwaXhosa.

Iindadi kwakunye neentsapho zamaxhoba zikhatshwa yilali zichitha imini yonke phezu kolu lwandle kuba zinethemba lokuba kude kuvele abantwana babo.

Kusehla esi sehlo sokutshona kwala mantombazana nje eChebe, le lali ibisenyembezana emva kokubhubha kwabantu abangaphaya kwamashumi amabini kwingozi yebhasi yenyanga ephelileyo.

Amapolisa ala mmandla abongoza kubahlali baseChebe neziphaluka ekubeni batsalele le nombolo 073 288 0340 xa benokuthi babone imizimba xa inokuthi ityekezwe ngaphandle lulwandle.