Isigidi asivotanga eMpuma Koloni

Bangaphaya kwesigidi abantu ababhalisele unyulo eMpuma Koloni, nabathabathe isigqibo sokungavoti kunyulo obelubanjwe kwiveki ephelileyo.

Abantu abe bebhalisele ukuvota eMpuma Koloni bebengaphaya kwezigidi ezithathu (3 363 161). Kwabo bantu kuvote abadlule kancinane kwizigidi ezibini (2 001 262), into ethetha ukuba bangaphaya kwesigidi (1 361 899) abantu abathe abathabatha nxaxheba kulonyulo.

Kweli nani (2 001 262), abantu abangaphaya kwamawaka angamashumi amabini anesixhenxe (27 081), bathe bazimosha iivoti zabo (spoilt ballots).

Noxa nje oku kunokuba kubangelwe yimozulu, amaqela ezopolitiko abengenele unyulo kweli phondo ashiyeke exhalabile.

USihlalo weANC eMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi noxa nje imvula, ebikhatshwa yintwana yengqele, ithe yafaka ifuthe – bakwaqaphele ukuba zikhona ezinye zeengxaki ezibangele ukuba abantu bangayi kulonyulo.

“Ewe imozulu ibe nefuthe ekungaphumini kwabantu, nto leyo ke esingenakuze sibe nolawulo kuyo kuba yekaMdali.

“Kodwa ngaxeshanye, sikuqaphele ukuqhankqalaza kwabantu kuba bengonelisekanga ziinkonzo. Sisifundo eso kuthi, kwaye oko kufuneka sikulungise kwiintsuku ezilikhulu singenile kulawulo lwephondo,” utsho uMabuyane.

UMabuyane uthi lo rhulumente mtsha uza kungena elulawulweni, kufuneka usondele ngamandla eluntwini.

“Kufuneka sisondele ebantwini siphulaphule iingxaki zabo. Kuyafuneka siwuqwalasele nomba wabantu abangenamdla kuvoto, sijonge unobangela woko. Abantu kufuneka bakwazi ukubaluleka kwentabathonxaxheba kumba wokukhuliswa kwedemokhrasi,” utshilo uMabuyane.

Yena uNobhala weAzapo eMpuma Koloni uChris Swepu uthe: “Umthamo wabantu abathe baya kulonyulo awonelisi, abanye mhlawumbi babethwe yimozulu kodwa siyacinga ukuba bakhona abo bathe abaya ngenxa yokuphoxwa ngumbutho olawulayo.”

“Yingxaki leyo, kuba le nto ithetha ukuba iANC iseza kuqhuba iselulawulweni xa abantu bengekaphakami bayokuvota,” utsho uSwepu.

I’solezwe lesiXhosa libuze kuFacebook kule veki ngezizathu zokuba abanye babantu baseMpuma Koloni bangayi kulonyulo.

UMncediseni Mkula uthe: “Zange ndivote mna kuba xa sele iwinile iANC kubizwa ii(* )lay queens kwimibhiyozo”

UMzubanzi Mente uthe: “Mna andivotanga ngenxa yeminyaka. Ndingapha ko-35, oko xa kuvela izithuba [kuthwa ndimdala] ndikruquke nje yilo nto.”

UOlwethu Evano Yamba uthe: “Ndingomnye waba bangavotanga ndibhalisile, bekubanda eMonti.”

UChosen Mabongo uthi: “Uvoto maluthathe iintsuku ezimbini njengobhaliso.”

Ukanti ngokwezihlalo kwiNdlu yoWiso Mthetho eBhisho, iANC ifumene izihlalo ezingamashumi amane anesine (44), iDA yafumana ezilishumi, iEFF yafumana ezihlanu, iUDM yafumana ezibini logama iATM kwaneFreedom Front Plus zifumene isihlalo esinye, umbutho ngamnye.