Isigidi sabafundi ngenyanga kumnatha we-I’solezwe!

Njengokuba ilizwe loMzantsi Afrika liphuma kwinyanga ebibekelwe ukubhiyozela amagugu esizwe, I’solezwe lesiXhosa lithe dyulukudu enyangeni ngeendaba ezimnandi.

Emva kweminyaka emibini ukusukela mhla kwasungulwa ikhasi lomnatha (website) leli phephandaba – www.isolezwelesixhosa.co.za. Namhlanje sifuna ukunixelela ngokukhulu ukuziqhenya ukuba I’solezwe lifumene isigidi sonke sabafundi kwisithuba senyanga.

Ngamazwi acacileyo, abantu abafunda amabali wethu kwikhasi lomnatha bathe kratya ngaphaya kwesigidi ngenyanga. Lo nto ithetha ukuthi ikhasi lomnatha lethu liphakathi kwawona makhulu eMzantsi Afrika.

Yonke lo nto yenzeka kwisithuba nje esingaphantsi kweminyaka emihlanu kwasungulwa eli phephandaba lesiXhosa ekuqaleni kuka2015.

Sibulela ngokungazenzisiyo kuni bafundi nani baxhasi bephephandaba lethu. Sazi kakuhle okokuba umsebenzi omhle njengalo niwenza kuba nifuna iindaba ngesiXhosa – kodwa siyayibona nentshisakalo yokubona kukhula isiXhosa.

Le yimbali yethu sonke babhali nani bafundi ekufanele sabelane ngayo futhi ephikisa abantu abangamavila abasoloko besithi abantu abanawo umdla esiXhoseni. Siyanicela nihlale nisenjenjalo. Ngaphandle kwenkxaso yenu, thina akukho nto esinokuyenza.

Elona bali lihambe kakhulu kule nyanga siphuma kuyo yoMsintsi ibe leliya lalisithi “Andinanto yokwenza nokubulawa kukaUyinene” – lafumana abafundi abangama-106201.

Eli nani ayilonani lokutyelelwa kwesibhalo koko linani labantu abangene ngeefowuni zabo nangeekhompyutha baze bacofa ikhonkco, bafunda eli bali.

Elinye elatshotsha entla kwakule nyanga siphuma kuyo leliya lomama owatsha waluthuthu neentsana zakhe, lona lafundwa ngabantu abangama 82 621 ukuzokuthi ga ngoku.

Xa siqaphela ukuba abantu baza njani kwikhasi lethu, sifumanise ukuba i92.9% ingena kulo ngeefowuni. Into engange-72.5% ithunyelwe kweli khasi lethu nguFacebook noTwitter. Mahle la manani kwaye ayanda mihla le.

Sithi enkosi kuni! kuFacebook singu: “ilisolezwe” ukanti kuTwitter singu: @ilisolezwe