Isigqeba sikakopolotyeni sikhalela iR45 500 yaso

EMVA kokuqaphela ukuba azide zifezekiswe izithembiso zokwakhelwa izindlu ababezithenjiswe nguKopolotyeni iSouth African Housing Cooperative Association (SAHCA), kwaye nemali yabo kunzima ukuyifumana, iqela lekomiti yamalungu asixhenxe eMonti ligqibe kwelokuba lisungule owalo uKopolotyeni.

IBuffalo City Housing Primary Co-operative (BCHPC) iqalwe emva kokuphanza kwezithembiso zeSAHCA eyathembisa inkitha yoluntu ngokwakhelwa izindlu, isithembiso esingazange zifezekiswe.

Kwingxelo yayo iBCHPC ithe: “Singamalungu ayebhatale imali engangeR6500 ilungu ngalinye sifuna izindlu kumama uWiniwe Ntshuntshe eAmalinda phantsi kopolotyeni owayengu East London Housing Management.

“Kwaye kwakho amalungu angazange azifumane izindlu eAmalinda, kulapho ayewasiqokelela uNtshuntshe sanomhlango wokuqala ngoJanuary 2013, Usisi lo uye waveza ukopolotyeni egama linguSAHCA umongameli wayo inguZacharia Matsela bezakusakhela ezizindlu.

Saye sonyulwa kwindibano kweyoMdumba ngo2013 ngamanye amalungu esasifuna izindlu nawo ukuba sibe sisigqeba esizawamela ukuncedisana noNtshuntshe emsebenzini wokwakhiwa kwezindlu.

Sizihlalile iindibano zikawonkewonke ukususela ngo2013 de kwaba ngu2016 .

“Sithe xa sifuna kutyikitywe isivumelwano phakathi komakhi (Developer) nokopolotyeni (SAHCA) abaphathi bavela betshona ngelithi hleze ulwakhiwo lungakhawulezi, banoloyiko lokuba umakhi abamangalele xa sele besityikityile isivumelwano.

Yilonto ebangele esisigqeba siphande nzulu ngalo mba.NgoCanzibe kulo nyaka sihleli indibano nabaphathi, kulapho sifumanise okokuba zonke izinto ebesithenjiswa ngumlawuli wethu nomongameli kaSAHCA ngamampunge – abakabi namihlaba wokwakha, ukopolotyeni wabo ongu SAHCA-EC akakabhaliswa bekusasetyenziswa impepha mvume zikaSAHCA-Ndlukulu.

“Kulapho thina sisesisi gqeba esasonyuliwe sagqiba ekubeni masibize indibano sixelele amalungu onke esikufumanisileyo, sawaxelela ukuba thina sisesisigqeba siyarhoxa ukuncedisana nabaphathi bakwaSAHCA,” itsho ingxelo yeBCHPC.

IBCHPC ibhalisiwe ngokusemthethweni, inazo neempepha zerhafu kwakunye nempepha zeBEE.

Iinzame zokufumana ilizwi kuMatsela ziphanzile nanjengoko umnxeba wakhe ungaphendulwa kwane-imeyili yakhe ingaphendulwa.

Phakathi kwabanye babantu abakhala ngoMatsela nguNolitha Ndlazi waseMdantsane othi le ndedeba imtyala iR45 500 nanjengoko yayithembise yena namalungu akhe osapho izindlu.