Isigqebhezana!

Andinakuwabala amatyeli apho ndive okanye ndihlangene neengxoxo malunga nokufinyeza kwamabhinqa ekuthiwa kukhokelela ekudlwengulweni okanye ekuxhatshazweni kwawo ngamadoda ngokwezesondo.

Andikade ndive sisombululo ke ukuthintela lo mkhuba. Abantu baphelela nje ekuthini mababanjwe ngumthetho abo baxhaphaza amabhinqa, izitshixo zentolongo ziphoswe elwandle. Iyandicubhula ke le yokuphoswa kwezitshixo zentolongo elwandle, kuba ngunongeke enzeke lowo; unotshe iimpundu zelawu!

Abanye bathi makubuyiswe intambo, ndixakwe ke nayileyo ukuba isigwebo salo uza kube ebulala abanye ngokubaxhoma siza kuba yintoni na sona. Ndaza ndakuva zwindini!

Kokwam ukuthabathisa, ezi ngxoxo azisingisi sisombululweni ngaphezu kokuzintwanisa kwabantu okukhuselwa nguMgaqo-siseko. Ndithi kukuzintwanisa ke kuba umntu ilungelo lakhe ulifuna nokuba sele limbeka ebugxwayibeni, okomntwana ezibizela iintshulube ngeelekese.

Kwezi ngxoxo kuse kuthethwe ngamalungelo okunxiba ngohlobo athanda ngalo umntu, nje ukuba olo hlobo alugilani nomthetho okanye alunyhashi malungelo abanye. Linyanisile ke elo, kodwa elam lithi kumele kuxoxwa ngezinto eziphembelela udlwengulo.

Ukuxoxa ngamalungelo endaweni yendlela yokuthintela udlwengulo kunqwa nokubhula umsi endaweni yomlilo; obunjani bona ubuhiba!

Amalungelo luluhlu nje lwezinto ezifanele umntu ezibhalwe encwadini nezingena kuthintela dlwengulo. Amalungelo akalinqandi izuma elitsalwa kukufinyeza kwebhinqa; amabhinqa azunywa ekhona la malungelo.

Amalungelo kule imeko anqwa nomalusi olalayo avuke umhlambi sele uqwengiwe ziingcuka, kodwa abe nelunda lokuthi ungumalusi. Umalusi olalayo!

Maxa wambi uluntu luse lulande amangunda okuba kudala kwahanjwa ze, ingazumisi loo nto. Iintombi zazibetha ngamabele neempundu ngaphandle de zifikise, ze zakufikisa zogqume nangasemva kodwa amabele ahlale engaphandle.

Kutheni ngoku zizunywa zakwenjenjalo? Ngumbuzo ongancedi nto nowaphelelwa lixesha lowo, kuba inkcubeko sele iguquke kakhulu.

Nezimilo zabantu sele ziguquke kakhulu, kobhinqileyo nakoyindoda. Ukuba ungaphicotha ngokunyanisekileyo izizathu zokufinyeza kwamabhinqa asele ‘evuthwe ophulwa’ ungamangala, uziyeke ezi zobuqholo bengcuka zokubanga ilungelo lomfaneleko. Ibhinqa liyalazi inyiki lendoda nendoda iyalazi elebhinqa!

Wonke umntu uyazi ukuba akufaka isandla emlilweni siza kutsha, kwaye loo nto ayinanto yakwenza nokutshisa komlilo kuba umlilo awutshisi nto koko ngumntu otshisa into ngawo.

Akukho mntu ungaziyo ukuba kukho ntoni na phantsi kwezambatho, kobhinqileyo nakoyindoda.

Kungani ke ngoko kunqabile ukuzunywa kwabarhuqisayo nangani kululwazi lukawonkewonke ukuba nayo banayo le nto izunywa ngamazuma?

Ndoke ndikuve zwindini!

Ukuba uyazi ukuba isantya siyabulala, ubalekisela ntoni? Wakube ufe ngengozi yenqwelo-mafutha makukhalazelwe bani kukho inqwelo-mafutha nendlela nomqhubi nayo nayiphi na enye into edala ingozi yenqwelo-mafutha endleleni?

Nge ngowufe ngengozi yenqwelo-mafutha na ukuba ubungakhange ube kwindawo enento yokwenza nenqwelo-mafutha? Vabaza phendula ndikuhlawule!

AmaXhosa amisela kwantlandlolo ukuba umkhwenyana angambambi ngesandla umkhwekazi, nobawozala angambambi ngesandla umolokazana. Ayesenzani ke amaXhosa ngokumisela lowo mthetho xa ayengathinteli amathuba ombulo? Mna ndalikhuphela inkomo ilungelo lokumbamba owam umkhwekazi. Ingaba leyo nkomo yowuthintela na ke umkhuba ekwakunqandwa wona ngalo mthetho?

Unotshe! Ndim ngokwam ozalusayo. Imo-ntlalo yoluntu iyaphicothwa ze ilungiselelwe njengoko kufanele. Ngabatheni aba banamhlanje abantu bangakufuniyo ukunyaniseka ngemo-ntlalo ebangqongileyo, bazilungisele ukuze baphile impilo ebafaneleyo?

Nxibani izigqebhezana ke mabhinqa kuba lilungelo lenu elo. Kodwa yazini ukuba izijama-nkungwini zilindele ukuba nenjenjalo kanye.

Xa bendinako ngendisithi fakani iingxeba ngambini!

Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.