Isigrogriso sokugxotha uMfundis’ uFaleni kuMhlobo Wenene

UMSASAZI wenkqubo yeMvuselelo kuMhlobo Wenene FM, uMfundis’ uMzukisi Faleni, usecicini lokugxothwa sesi sikhululo.

Sele zimbini iiveki uMfundis’ uFaleni engekho emoyeni emva kokufumana imbalelwano ethi makakhe athi gu bucala.

Kwimbalelwano ayibhalelwe nguLoyiso Bala ophethe Umhlobo Wenene FM, uFaleni uxelelwe ukuba uyanqunyanyiswa emsebenzini kwaye kwathiwa angazibhaqa engaphaya kwamasango oMhlobo Wenene ukuba kunokuthi kanti “wophule imiqathango yengqesho.”

Oku kuza emva kokuba kuye kwathi ndi iingxelo zokuba uMfundis’ uFaleni uyinxalenye yenkqubo entsha kwisikhululo sasekuhlaleni saseKapa, iRadio Zibonele.

Kuvakala ukuba le nkqubo ethi ‘Yizani Siqiqe’ yenziwa ngababefudula bekuMhlobo Wenene FM, uMbulelo Ngewu, uMfundis’ uOtto Makalima kwakunye noMfundis’ uFaleni.

Kwimbalelwano ayithumelele uFaleni ekwathutyeleziselwe I’solezwe, uBala uthi xa kunokufunyaniswa ukuba iingxelo zokuba uFaleni ngumsasazi wale nkqubo ngokwenene, uya kuphum’ aphele kuMhlobo Wenene.

“Abaphathi boMhlobo Wenene FM beve ukuba wena ubandakanyeka kwizenzo zokungaziphathi kakuhle, kwaye ukuba oko kufumaniseke kuyinyani, kungathetha ukuba uyophule imiqathango yesivumelwano sakho sengqesho,” uyiqale olo hlobo uBala imbalelwano ayithumelele uFaleni ngomhla we10 kuJuni.

UBala uqhube wathi kule mbalelwano: “Kutyholwa ngelithi ngomhla we27 kuMeyi 2022, iRadio Zibonele, isikhululo sasekuhlaleni esisasaza ku98. 2 eKapa sixhome ipowusta kuFacebook waso sisazisa inkqubo ebizwa ‘Yizani Siqiqe’ nebhexeshwa nguwe, ukunye nabo babekade besebenzela iSABC, uMbulelo Ngewu no-Otto Makalima.

“Le nkqubo isasaza rhoqo ngeCawa ngo-05H30 – 06H30 ukuqala ngomhla we5 kuJuni 2022. UManejala wesi sikhululo ukungqinile oku ngethuba esenza isibhengezo sohlengahlengiso lweenkqubo,” kubhala uMphathi woMhlobo Wenene.

UBala uxelele uFaleni kule mbalelwano ukuba oku khange akucele kwaye khange anikwe mvume ngabasemagunyeni kuMhlobo.

“Awukhange ucele kwaye ungakhange unikwe mvume yokunikezela ngeenkonzo [ezifana nezo uzinikeza Umhlobo Wenene] kwesinye isikhululo.”

UBala wongeze ngelithi uFaleni wophule imiqathango yesivumelwano sakhe sengqesho, kwaye oku abaphathi abakuthathi kancinci.

Kukwayalelwe lo Mfundisi ukuba abhale eyakhe incwadi, achaze icala lakhe mayelana nezi zityholo ukuze abaphathi babenako ukwenza isigqibo esisiso.

Oku kuthiwe akwenze phambi komhla we14 kuJuni, okanye ngaphandle kokwenza njalo, atsibe umgubasi.

“Qaphela, ukuba akusithumelelanga icala lakho, abaphathi bakube bengenayo enye indlela kodwa basiqhawule isivumelwano sengqesho kunye nawe,” kutsho uBala, okwanqumamise uFaleni de kube kanti le nyewe isonjululwe.

Eli phephandaba likwabone ileta ebhalwe nguMfundis’ uFaleni eyithumelela uBala.

UFaleni uziphendulele ngelithi akayisasazi ngokwakhe inkqubo yeRadio Zibonele, koko unegalelo kuyo njengoMfundisi onamava ngemiba eshuxukwa kula nkqubo.

Kuthiwa ukwathe akakuvisisi kakuhle okokuba akafanelanga ukubanegalelo kwabanye oonomathotholo njengokuba esasazela Umhlobo Wenene.

“ISABC ayibaboni oonomathotholo basekuhlaleni njengabakhuphisana nayo, ngapha koko inomgomo wokubaxhasa,” kutyatyadula uFaleni kule mbalelwano, okwathe akanaso nesivumelwano esibhalwe phantsi neRadio Zibonele.

UFaleni ukwadize ukuba baninzi nabanye abasebenzi beSABC abasebenza ngaphandle, besebenzela oomabonakude noonomathotholo basekuhlaleni.

“Abazange bafumana ntetha ngokwenza oku, kwaye zange bafumana layisenisi yokusebenza kwezi ndawo kananjalo,” ubhale watsho uMfundis’ uFaleni, ekwatyhola esi sikhululo ngokubanesheyi.

Omnye ophawule ngoku, nongafunanga kuthiwa pa-ha ngegama uthe: “Akanatyala uMfundis’ uFaleni, udlelw’ indlala, bayamxhaphaza, balwa iipolitiki zabo ngaye nezingenanto yakwenza naye,” utshilo.

Ephendula I’solezwe, iNtloko yoNxibelelwano eSABC, uNdileka Cola uthe ngokwenene uMfundis’ uFaleni unqunyanyisiwe.

“Abaphathi boMhlobo Wenene FM bayangqina ukuba ngokwenene uMfu. Faleni usabekelwe bucala sisikhululo, kwaye nanjengoko oku kuphakathi komqeshi nomqeshwa, abaphetheyo abangethandi ukuphefumla.”