Isigwebo kowadlwengula abafundi baseWSU

Inkundla yengingqi yaseGcuwa iyigwebe iminyaka engamashumi amathathu anesithathu indoda eyadlwengula abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa ngonyaka ka2016.


UVusumzi Mpayipheli (27) wambonzeleka kwindawo yokuhlala abafundi baseWSU eBika eGcuwa, ngentseni yomhla wesihlanu kwinyanga yoKwindla ngo2016, wafika belele aba bafundi.


“Wabarhuqela ngaphandle bobathathu, wabadlwengula bonke,” kutsho isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha.


Omnye kwaba bafundi wayeneminyaka elishumi elinesibhozo, omnye eneshumi elinesithoba logama omnye wayenamashumi amabini anesithandathu.


Ityala lodlwengulo lavulwa kumapolisa aseMsobomvu eGcuwa, ze wabanjwa uMpayipheli.


UMkomshinala wamapolisa aseMpuma Koloni uNjengele Liziwe Ntshinga usamkele esi sigwebo, watsho esithi oku iza kuba sisilumkiso nakwabanye abasacinga ukwenza ulwaphulo-mthetho kumanina.