Isigwebo ngokuphangwa kwesikolo soonomngqushwana

Inkundla yamatyala yengingqi yaseNew Brighton eGqeberha, igwebe uLukhanyo Ndeya onama20, iminyaka eyi12 engaphakathi entolongweni emva kokuba efunyenwe enetyala lokuphanga ikhritshi nokufunyanwa enompu.

Olu phango lwenzeka kunyaka ophelileyo ngeyoMsintsi, kwisitalato iJakavula kwilokishi yaKwaZakhele.

Kwangena abarhanelwa abathathu nabafika bakhomba umnikazi wendawo kwakunye nomyeni wakhe ngompu logama omnye umrhanelwa ebakhombe ngemela.

Aba babenyanzelisa befuna iifowuni kwakunye nemali. Emva kokuba befumene iifowuni ezintathu, imali, ikhompyutha ephathwayo kwakunye nobucwebe babaleka. Kwesi siganeko zange konzakale mntu.

Amaxhoba avula ityala lokuphanga kwisikhululo samapolisa KwaZakhele.

Ingxelo ephuma emapoliseni ithi omnye umrhanelwa wabanjwa emva kophando lukaWarrant Yolanda Mynhard.