Iza kuthothoza ubomi bayo bonke entolongweni indoda ekukholelwa ukuba ibikwiqela lemigulukudu eligqugqisa kummandla waseBityi naseMthatha elibizwa ukuba ngooNontwayibonwa.
Isigwebo siwiswe yinkundla ephakamileyo yamatyala eMthatha ngoMvulo emva kokuba uNtsikelelo Mangala (37) efunyenwe enamatyala okudlwengula, ukuqhekeza nokuzama ukubulala.
Ingxelo ephuma kumapolisa ephondo ithi kwesi sigwebo sobomi, ngaphezulu unikwe iminyaka elishumi elinesihlanu ngenxa yezenzo zokuqhekeza nokuzama ukubulala.
Ngokwengxelo yomhlali ongafunanga kuchazwa kuba esoyikisela ubomi bakhe kwilali yaseMqhekezweni eBityi, uthi nangona nje engumntu ongutata kodwa bebesoyika nabo kuba bebethi bakufika ooNontwayibonwa, bagqugqise.
Lo mhlali uthi amaxhoba ikakhulu ibingamanina ingakumbi lawo angasenamadoda.
“Bekukhe kuse zimke zonke iigusha ebuhlanti kungabikho nomkhondo ukuba ziyephi. Yanga esi sigwebo ingasisifundo nakwaba basashiyekileyo bayazi ukuba baza kubanjwa. Asebenzile amapolisa.”
Ingxelo ephuma kumapolisa ephondo leMpuma Koloni ithi uMangala ubhaqwe ngenxa yobungqina bencindi yemfuzo (DNA).
Ingxelo iqhuba ithi aba Nontwayibonwa bazifihla ubuso ngeminqwazi (bhalaklavu) xa besenza lo mkhwa. UCaptain Mali Govender udiza ukuba bebeye bajonge amakhaya abanokuthi bawahlasele emini.
“Ebusuku bangena kumakhaya lawo bebewanombole emini ukuba anamanina kuphela, abekho ootata, bawadlwengule kwaye bathathe nempahla. Amaxhoba abo ebethi bawadlwengule aqala kwishumi elinesibini ukuya kumashumi amathathu anesixhenxe,” utshilo uGovender.
UMangala ubanjwe ngo2016 ngenyanga yeNkanga, emva kokugqugqisa ukusukela ngo2010.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman