Isihelegu kubhubha oonogada ekliniki

ABASEBENZI bekliniki yaseBaziya eMthatha basothukile bengayikholelwa into yokubhubha koonogada ababini bale kliniki emva kwesihelegu sokurhaxwa ngumsi wesishushubezi abebesothile.

Ngokwesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, abanogada babonwe ngentseni yangoLwesithathu.

“Ababini kubo bafunyenwe sele bebhubhile logama omnye ekwimeko embi esibhedlele,” utshilo uKupelo.

Abanogada kukholeleka ukuba barhaxwe ngumsi ophuma kwisishushubezi eso bebesibasile nanjengoko amaqondo obushushu ephantsi kule veki.

Amagama wabo babhubhileyo akakabhengezwa nanjengoko, ngokokutsho kukaKupelo, izihlobo bezingekaxelelwa zonke. Izolo, uKupelo ebephelele nje ekudizeni ukuba amaxhoba ngabantu abangamadoda.

UKupelo uthi abanogada barhaxwe luhlobo lwerhasi ekuthiwa yiCarbon Monoxide, uhlobo lwerhasi engavakaliyo ngokwevumba kodwa ethi yakubaninzi iwugqibe umoya wokuphefumla, nto leyo iye ikhokelele ekubhubheni oko.