Isihelegu sokubulawa kukamama nabantwana, kwaduka umyeni!

Uluntu lwelali iDabekweni kuKwaaiman, eMqanduli, lushiyeke lubambe ongezantsi ngentsasa yangoLwesithathu emva kokubhaqwa komama (42) ebhubhile kwakunye nabantwana bakhe abahlanu, omnye wabo uneenyanga ezintandathu kuphela ezelwe.

Esi sihelegu sokugetyengwa kwala malungu senzeke ebusuku ngoLwesibini, begetyengwa ngabantu abangaziwayo nekufikwe izembe ekukholelwa ukuba bebexhaxhwa ngalo lingakubo.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier, Tembinkosi Kinana, ithi oomakhelwane babize amapolisa emva kokuqaphela ukuba kukhona okwenzekileyo kweli khaya. Ukufika kwamapolisa kwikhaya eli, agagene nemizimba emithandathu sele ibanda kukho nosana kuyo.

UKinana uthi iziphumo ezingqonge olu phando zidiza ukuba umyeni lo udukileyo yinzalelwane yelizwe laseZimbabwe kwaye akaziwa apho akhoyo kuba akakho nasekhayeni.

Okwangoku akukabanjwa mntu kwaye amapolisa akhangela umyeni kuba ekholelwa ekubeni angancedisa amapolisa kuphando.

UMkomishinala wamaPolisa uNjengele Liziwe Ntshinga esi sehlo usichaze njengesihambisa umzimba. “Kanye xa kuqala iintsuku ezilishumi elinesithandathu ezijongene nokulwa ubundlobongela kwanokuphathwa gadalala kwabantwana namanina kodwa sikwazile ukuvuka ngeendaba ezibuhlungu nezothusayo. Nokuba ngubani onesandla koku uza kubanjwa kwaye ingalo yomthetho idlale indima yayo.”

Nabanina onolwazi malunga neso sihelegu kwanomyeni apho akhoyo, uyabongozwa asebenzisane namapolisa eze ngaphambili nolo lwazi, uza kukhuselela. Okanye atsalele le nombolo yeCrime Stop 08600 10 111/ 082 301 76 99.