Isihelegu sokubulawa kwamakhosikazi eNgqushwa

Ngumakhulu onamashumi asixhenxe anesithathu ubudala kwakunye nenkosikazi enamashumi amane anesihlanu ababhaqwe sele bebhubhile kwigumbi labo lokulala kwilali yaseCeletyuma eNgqushwa.

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ephondo, esi sibini sibhaqwe yindoda engumakhelwane nekwangumncedisi kwimfuyo yeli khaya.

Oku kwenzeke ngempelaveki.

Le ndoda ingumakhelwane ithi ngoLwesihlanu ngethuba iyokuvalela imfuyo kweli khaya ifike kukho amadoda amathathu engawaziyo encokola nomakhulu, apha encokweni yabe isiva ukuba afuna ukuthenga iigusha kumakhulu.

Emva koko le ndoda ithi iye yahamba yayishiya phakathi incoko yala madoda kwakunye namaxhoba yagoduka iyokulala, ishiya amadoda kwakunye namaxhoba.

Ingxelo iqhuba ithi le ndoda kusasa ivuke yayokuvulela imfuyo kweli khaya njengesiqhelo yayikhaphela, yabuyela kulo mzi kwakhona, ifika kusavalwe iminyango yonke. UKapteni Sibongile Soci udiza ukuba le ndoda ithe xa isuka kukhaphela imfuyo yankqonkqoza endlwini kamakhulu kuba ingababoni bephithizela kusasa njengesiqhelo.

“Onke amacango ebesatshixiwe xa ezama ukuvula.

“Uzame ukubafowunela, zakhala iifowuni ngaphakathi endlwini kodwa zingasatyelwa.

Ufowunele unyana wexhoba nomnike imvume yokuba akhabe ucango angene nafike ngaphakathi ebona amaxhoba equngquluzile enamanxeba okuhlatywa kumzimba ongentla.

Amaxwebhu abalulekileyo afunyenwe kwelinye lamagumbi eli khaya,” utshilo uSoci.

Akukabanjwa mntu ngesi sehlo.

Kuyabongozwa nabani na onokuthi abe nolwazi afowunele uBrigadiya Dudu Ngculu ku: 082 301 7762 okanye atyelele kwisikhululo esikufutshane naye, igama lakhe lakuthi likhuseleke kungenjalo athi 08600 10111.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Liziwe Ntshinga sele eyalele ukuba kusekwe iqela eliza kuthi liqiniseke ngokubanjwa kwesi sithathu sabarhanelwa ikwazi ingalo yomthetho ukudlala indima yayo kubenzi bobubi.