Isihelegu sokudutyulwa kwamadoda ezonwabele

Kusabanjwe umrhanelwa wamnye kubarhanelwa abathathu abajongene netyala lokudubula babulale abantu abathathu kumzi othile kwilali yaseSkiti eMatatiele.

Ngokweengxelo eziphuma kothethela amapolisa kula mmandla, uKapteni Raphael Motloung zithi, esi sithathu samadoda singene kumzi othile obuhleli abafana abebelithoba beziselela utywala bezonwabele kwikhaya lomnye ugxa wabo obefika, bafika bathulula iimbumbulu.

“La madoda mathathu afike ngokuqala afune imali ngenkani kula madoda bebakhomba ngemipu, baye bayinikwa imali leyo. Ngokubona ukuba kukho ixhoba azana nalo baye balidubula. “Emva kokudubula lowo ubaziyo nababini baye bangenelela bathulula ngeembumbulu nakwabanye, kwacima nesibane ebesilayitile, khange bayeke ukudubula abarhanelwa ngoku sele kumnyama.

“Kuye kwabhubha abantu abathathu, abanye abonzakeleyo babalekiselwa kwisibhedlele saseMatatiele,” utshilo uMotloung.

Aba babhubhileyo baphakathi kwa-22 ukuya kuma-23 ubudala. Ityala lokubulala livuliwe ngamapolisa. UMotloung ubongoza uluntu olunokubanolwazi ngabarhanelwa ancedisane namapolisa ngokuthi awatsalele kwezi nombolo: 039 256 3800.

Lo sele ebanjiwe umrhanelwa obanjiweyo kulindeleke ukuba avele phambi kweenkundla zamatyala kungekudala, ababini basakhangelwa abakabanjwa.

Kwelinye icala kugwetywe uThembile Mdudumana onamshumi amabini anesixhenxe waseHlankomo eMount Flecther iminyaka elishumi engaphakathi entolongweni, egwetywa yinkundla yala mmandla kule veki emveni kokufunyanwa enetyala lokuqhekeza kwanelokudlwengula umama okhubazekileyo onamashumi amane anesithandathu.