Isikhalo sabafundisi-ntsapho abasaqeqeshwayo!

Xa kuqukunjelwa inyanga yokuhlonipha nokubhiyozela amanina, amanenekazi, iintwazana kwanomzi wasetyhini jikelele, ndithi mandikhe ndiqwalasele iimeko abafundisi-ntsapho abangamanenekazi abafundisa phantsi kwazo kuninzi lwezikolo zoMzantsi Afrika.

Eyona nto ndiza kugxila kuyo kweli nqakwana, yingxoxo nodliwano-ndlebe ebendikhe ndanalo nabafundi bam abafundela ubutitshala. Iinjongo zam kukuqonda banzi ngezona zinto bazithakazelelayo kwanezo zibabhityisayo kwelo khondo bazikhethele lona lokufundisa abantwana bethu, kwanesizukulwana sethu.

Izimvo zootitshala kwanootitshalakazi abasaqeqeshwayo malunga nemeko ekufundiswa phantsi kwayo kwezinye zezikolo, iyakhwinisa ngaphezu kokuba ithakazeleleka!

Phakathi kwezinto ezikhankanywa kakhulu ngaba titshala nootitshalakazi abasaqeqeshwayo, kukusilela kwembeko nokungabikho kwentlonipho ezikolweni.

Bambi kubo bavakalisa ukuba xa utitshala okanye utitshalakazi ebaqeqesha okanye ebaluleka abafundi abangevayo nabangawuthobeliyo umthetho eziklasini, loo titshala uyahlekwa ngaba bantwana kuba ukululekwa bakubona njengento engasekhoyo okanye engasenziwayo.

Oku ke ndicinga ukuba kuthetha ukuba kwamanye amakhaya nakwezinye zezikolo ekufunda kuzo abantwana bethu, kukwavula-zibhuqe emdudweni woononkala!

Ndibe buhlungu kakhulu xa ndifumanisa ukuba abona bantu bakhala kakhulu ziititshalakazi ngaphezu kootitshala abangamadoda. Ngokwezi ncoko zam nabafundi, ndiphawule ukuba apha kootitshala, abafundi bayageza, kodwa babe nawo umda abahla kuwo baphele bethobela.

Kootitshalakazi abalithoba kwabalishumi endincokole nabo, ndifumanise ukuba ilizwi linye, lithi bajongelwa phantsi ngokungathethekiyo ngabafundi ezikolweni.

Bambi kubo bakhala nangokuba bathi nangoku bekumele ukuba bayafundisa, abafundi baqhubekeke bengxola, bekhwazana, beleqana, bambi besilwa benkulana apha eklasini phambi kwabo. Ezi ntsizana zootitshalakazi zithi kumaxa amaninzi, bachitha imizuzu emininzi bezama ukululeka nokudala ucwangco kumagumbi okufundela, ukuze kuloo mizuzu imbalwa ishiyekileyo, kube kungona benikezela izifundo zabo.

Oku kuthetha ukuba kumagumbi amaninzi okufundela, kuyadlalwa, kuyapetsulwa, kukhonya abantwana abatweze amatakane ngokusa oku, ngaphezu kokuba kufundwa okanye kufundiswa.

Xa kungekho mathuba oneleyo okufunda nokufundisa kwizikolo zethu, ingaba singalindela njani mawethu ukuba iintsana zethu ziqhube kakuhle kwiziphumo zebanga le-12? Xa abantwana bethu bengalawuleki ezikolweni nasemakhaya, ingaba baza kuba ngabazali abanjani bona ngomso, sibe yintoni isizwe sethu?

Xa iititshala neetitshalakazi ezisaqeqeshwayo zivakalelwa zidandathekile yimeko eziwafumana phantsi kwayo amava okufundisa, ingaba isizukulwana sethu sakuba nazo iititshala kwilixa elizayo?

Lo mbuzo wokugqibela usekelezelwe phantsi koluvo lwaba titshala nootitshalakazi abasaqeqeshwayo, luvo olo luthi, “banokuzisola ngokukhetha ikhondo lobutitshala njengekhondo labo lomsebenzi,” bambi ndibave besithi, “bavakalelwa benoloyiko rhoqo xa beza kuya kungena kumagumbi okufundela, kuba loo magumbi abenza bazive bekwanja zoth`umlilo.”

Ndiye ndangqukruleka xa omnye wabo ekhumbula enika nenkcazelo ngezinto ebezisenzeka kumanye wamagumbi ebefundisa kuwo.

Uthe akulikhupha litsole lo mntwana womntu elokuba, “ebesithi xa esiya kuloo magumbi okufundisela, azive ngathi uhamba kumzila omkhokelela ekuxhonyweni ngentambo ade afe!” Uqhubekekile esithi, “kumanye amagumbi okufundisela ebesithi engena nje, afike kuxhentswa phezu kweedesika, kubhalwe izithuko nezenyeliso ebhodini, kugityiselwana ngamaphepha de kuchanwe naye buqu, imisuzo ikwalapha, kuyaphaxulwana kuyaliwa kwalapha, bambi kubo bekhwaza ngelithi imfundo yimfitshi-mfitshi!” Kwakuloo ngxokozelo yamaxoxo, iititshalakazi zivakalisa ukuba ikho naloo mbinana yabafundi ixhelekileyo, ixhelwa kukungafumani thuba lakuzuza imfundo, ngenxa yezimilo ezikrazukileyo kubanye babantwana bethu!

Imfundo iqala phi na kanene? Ukulungiswa kwezimilo nengqeqesho kumele ziqale phi na kanene? Imfundo iqala ekhaya, isimilo nengqeqesho ziqala ekhaya mzi kaNtu!

Ukuba abazali babakhupha abantwana emakhaya becolekile kwaye besulungekile ngokwesimilo, intobeko nengqeqesho, ootitshala nootitshalakazi bangathatha nje bona apho abazali bayeke khona, ukuze kwakhiwe isizwe esivayo, isizwe esilulamileyo, isizwe esintloni, isizwe esihloniphayo nesizwe esinobuntu.

Ubuntu buzala imvisiswano, buzala uxolo, buzala inkuthazo, buzala impumelelo! Ukuba ootitshala abaqeqeshwayo, ingakumbi abo bangamanina, baphelelwa lithemba nothando lokufundisa, kazi lakuba yhini na ikamva lesizukulwana sethu?

“Yaphel`imihlambi kaNtu sisigezo nokuqaqadeka kwabanye babantwana bethu, kazi bazali nani luntu nithi le meko iya kulungiswa yintengu kusini na!”