Isolezwe, ndibulisile kuni.
Ndithi ngoku makhe ndivakalise uluvo lwam. Igqirha apha kwaXhosa ngumprofethi. Lulama (umphilisi) yeka ukuquka konke xa uchaza amaphupha. Ingxaki zabantu azifani, ukuba uyakwazi ukucazulula amaphupha chaza ngokwengxaki yomntu; ungathi kwaXhosa into ethile ithetha ukuthi. Asifani ngezigulo neengxaki. Njengamprofethi kufanele akuxelele amanyange; ithini ingxaki yalo mntu ephupheni.
Okwesibini ndinengxaki nale nto kuhleli kukhutshwa iziganeko zokufa kwabakhwetha.
Asizi nasisombululo, siza neengxaki phezu kweengxaki. Imbono yam ithi uMpondo uyohlala elimpondo, ngokufanayo nomZulu amasiko wabo awathi maboluke, isizathu sokuba boluke kuba behlekwa ngamaXhosa ngobukhwenkwe babo.
Kum le nto mayithathwe njengobuhlanga kuba kaloku ukuhleka umntu ngokungaluki kukumcalula oko ngobuhlanga bakhe.
Thabang Fani, eMdantsane
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM