Isikhalo somntwana sihoye

Kukho igwijo elimnandi elihleli nje liyaculwa kwiintlangano zabahlali nezepolitiki, ela gwijo linendawo ethi, ‘Isikhalo somntwana sihoye.’

Limnandi lona igwijo eli, kodwa ukuba ungumntu ozigqalayo izinto uyakuyiqonda ukuba unzulu umyalezo ovezwa ngabahlabeleli.

Kule ngoma abantu boMzansi Afrika bazifanisa nomntwana, iziphathamandla zona zinikwa indima yomzali, kulumkiswa umzali ukuba makasihoye isikhalo somntwana.

Nanjengomntu ongekudanga kumzi oneentsana, ndiye ndiqwalasele ukuba isikhalo somntwana asihoywa, ziye ezi ntsana zenze imigudu ngokuqhutywa ngumsindo wokungahoyeki.

Ufike aba bantwana besophula izinto zabo zokudlala okanye beziqengqa phantsi bezibethekisa kabuhlungu, kuba isikhalo sabo singahoywa.

Lo ngumfanekiso ochanekileyo wemeko egqubayo apha elizweni lakowethu. Kudala abantu bekhala kurhulumente wabo, bevakalisa ukungoneliseki kwabo zizinto ezithile nokungafumani kwabo iinkonzo kodwa amatyeli amaninzi abahoyeki, isikhalo sabo siwa ezindlebeni ezingevayo.

Wonke ke lo msindo wokungahoyeki nokungafumani zimpendulo nancedo kurhulumente wabo, ibenze bagqabhuke benze izinto ezixhomisa amehlo nezimanyukunyezi. Ndiyayiqonda inokuba sowuyibona le nto ndithetha ngayo, nokuba ndisingise phi na ngesi sibhalo sale veki.

Kule veki zimbini iindawo ebe zingundabamlonyeni ngenxa yokugqabhuka komsindo wabahlali bejolise kurhulumente. Eyokuqala, yile yenzeka eQoboqobo, eyesibini, yile igquba kwiphondo loMntla Ntshona.

Phambi kokuba sijonge apha eQoboqobo masikhe siphose iliso kula meko yaseMntla Ntshona. Kutheni abahlali bevale esa sixeko saseMahikeng betshisa amatayala bendlongondlongo nje?

Isimbonono sabo sinye okwakaloku nje, sesokuba inkulumbuso yela phondo uSupra Mahumapelo abeke phantsi iintambo zolawulo. Ndiqinisekile ayiqalanga apha le nto, siyintoni mhlawumbi isizekabani?

Oonondaba xa besiphakela ke bathi abantu bela phondo, ingakumbi besa sixeko, badikiwe kukungabikho kwezindlu zangasese ezisebenzayo ezikolweni zabantwana babo, bafuna izibane ezongezelelweyo ezitalatweni zabo, bachekriwe kukungabikho kweeholo zoluntu kude kunyanzeleke badibanele emathafeni xa beneentlangano zabahlali, kodwa eyona isenkcochoyini zizityholo zokuba uSupra lo norhulumente wakhe bachithe imali engangekhulu elinamashumi asibhozo ezigidi beyinika ishishini elinamaqhina nosapho lakwaGupta elingakhange liwenze kwamsebenzi lowo lirhafelwe wona. Bathi aba bantu kudala bekhalela ukungahambi kweenkonzo zoluntu ngendlela efanelekileyo, kodwa isikhalo sabo singahoywa.

Uyayibona ke ngoku mhlobo wam ukuba iyaqhushumba into wade umhlaba wonke waphosa amehlo wawo kwesi sixeko. Eyonanto indenza ndibenomsindwana yile yokuba uSupra uthi yena akasoze azibeke phantsi iintambo ngenxa yalo nto, yiANC yodwa enokumkhupha pha.

Kanti le ANC amisa ngayo ifakwe ziivoti zobani elulawulweni? Ezi ndedeba zakuba semhluzini aziyikhathaleli intando yabantu?

Ude uSilili waluqhawula phakathi uhambo lwakhe lwaseBhrithani kuba efuna ukuwuchophela ngokwakhe lo mcimbi, andimsizeli tu ke lowo ngokuba wafika sizihlelele wathi, “Thuma mina.” Makathumeke ke.

Phofu nalapha eQoboqobo abantu bakowethu bafuna yena ngenkqu, bathi badikiwe kukuxokiselwa ngamagosa alo rhulumente wakhe, makeze ngokwakhe. Wayethe masimthume ke, siyamthuma nangoku nali iQoboqobo liphela abantu bejongile.

Ixhala lam lelokuba umongameli wesizwe lo uzakuba sisicimamlilo edalwe kukungakhathali kweenkokheli zethu?

Ukuba bekusiya ngam bekungasuke kuqalelwe phantsi, ngokuba kuyacaca ukuba kubolile pha eziofisini. Niyabona ke zinkokheli iziqhamo zokungakhathali kwenu?

Niyazibona iziqhamo zokukhumsha into engenasiphelo niyeke ukwenza umsebenzi lo enavotelwa wona? Abahlali badikiwe, zininzi nezinye izixeko eziza kuzeka mzekweni, kuba kaloku nezi sithetha ngazo ibingezizo ezokuqala.

Niyayibona ilahleko engaka, yezinto kunye nobomi babantu, nenkcitho ngenxa yokungahoyi kwenu isikhalo somntwana? Isikhalo somntwana sihoye.