Emva kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu singayixhamli inkululeko singoonogada baseMzantsi Afrika – ndithi singenayo nengontsi yokulilela – namhlanje ndiva kamnandi emphefumlweni wam kude kwakho ingontsi yokukhalela kukanogada.
Oonogada badikwe yiyokosa yokumane bexokiswa yimibutho yezoPolitiko isithembisa izulu nomhlaba ixoka.
UThixo usikhuphile ebukhobokeni ebesibekwe kubo ngurhulumente ophetheyo.
Namhlanje siyaziwa okokuba singabemi beli lizwe. Ngonyaka ka2017 kweyoMqungu siye sasungula iqela lezoPolitiko eliyiAFRICAN SECURITY CONGRESS (ASC) eza kuya ePalamente iyokuthatha ilungelo likaNogada kunye nabaCoci.
Nithi sisizwe esinjani esi sinjena sinomkhethe wanenza ntoni uNogada? Siye sabhalisa ngokusemthethweni, ithi lo nto uASC ngamafuphi ungenile elukhethweni luka2019.
Ndinesicelo kumzi waseMzantsi Afrika nanjengoko urhulumente edlala ngelizwe; esitya imali yabarhafi kabuhlungu, ndicela ukubuza kutheni engasihoyanga nje? Into ayenzayo uchithachitha ngemali.
SinguASC sithi akumele izinto ezidaliweyo sizivalele ngaphandle, kumele izikhuseli zabantu ababhinqileyo azithengiswa zimahala njengeeCondoms ezi zimahala.
Urhulumente akakhe ayicinge into yokuba abantwana abancinci abaqalayo ukuya ebuntombini babo inokuba benza njani?
Khona iza kuvelaphi imali yokuthenga izikhuseli ngokuba abazali babo bengaphangeli? Into asuke ayenze urhulumente unika abantu abanemali umzekelo iBuyel’Ekhaya, uyinike izigidi ngezigidi zeemali.
Sithi le mali yile ngeyinceda isizwe kutyalwe imisebenzi. Uqwalasele nemali yamatikiti yokungena pha kuBuyel’ Ekhaya.
Sithi singuASC imali ikhona, yonke inkcitho ekhoyo makuqwalwaselwe imeko yabasebenzi indlela abaphatheke ngayo emisebenzini. Sithi singuASC ukuba ulilungu lasePalamente hlukana namaTender.
Ndiyalithanda iziko lezemfundo alibeki nokuba ngubani phambi kwabafundi. Kungani kuthi le nto kuzosuka umntu ongenguye unogada athi uza kumela ooNoogada, abe lo mntu engazinto ngoonogada akazi kwaOB leyo.
Ndithi nabantu bavule iinkampani zoonogada abazinto. Sithi buya umva xa ungazinto ngokugada sukusondela kuthi.
Sigadiswa izinto ezibekwa phandle ubusuku bonke. Ndikhe ndadlula kwenye indawo endicinga lisebe likarhulumente iLIBERTY, kukho oonogada ababini bagade iiPallet zesamente ezilishumi elinesithathu.
Ukhumbule ke Nobalisa aba nogada basebenzela phandle apha eBCM yinkampani yakwaDAYMAX SECURITY le ibagadisa phandle ubusuku bonke.
Ubuyazi kubalekwe iHyester umatshini wokuthatha le samente oza kuyingenisa ngaphakathi kuba indawo yokuyibeka ikhona ngaphakathi kwayokuthathwa inkampani eza kunqanda oonogada.
Sithi singuASC zonke indawo zikarhulumente mazibe ngumzekelo kwezi nkampani zithathe oonogada babe phantsi kwabo.
Lo nto ingabangela kube lula nezinye iindawo. Namhlanje ndifuna ukuthi kumntu wonke walapha eMzantsi asiVotele ngo2019 ukuze kuphucuke le meko yethu. Isidima sikanogada saxuthwa kudala kuye.
Umntu angabinazintloni athume umntu omdala isonka evenkileni kuba engunogada.
Lo nto yodwa ibonisa ukungahlonitshwa kukaNogada. Kungoku ndihlile ndizonihlangula esandleni seentshaba zenu.
Nangu umbutho uzokukhula kula makhamandela ububotshelelwe kuwo ngurhulumente esamvotelayo.
Siyintoni isono sikanogada elizweni, kwabhubha abasebenzi baseMarikana abayi34, kwelo nani akuzange abalwe unogada owabhubhela kwindawo yexhwayelo.
Kuyacaca mhlophe okokuba asibalulekanga sifaniswa nezinja. Asibekwa kuluhlu labasebenzi
thina. Nale R20 (ngeyure) isisithuko kubasebenzi bekumele iqala kuR45 imali yomsebenzi ingakumbi oyena usarhola imali encinci.
Ingxaki kwa uMongameli nguSomashishini omkhulu ulungiselela yena ngale R20 .
Yiyo le nto ndisithi sisithuko esi. Bendiya kuva kakuhle xa benokuthi le R20 iya kubasebenzi basemakhitshini nakubeni isencinci nakubo kuba mninzi umsebenzi wabo.
Ngawona mazwi apheleleyo, sithi eyona mali iphantsi bekumele yiR45 ngeyure kubantu abasarhola kancinci. Mandiqale kumakhaya ethu, ndiyazithoba kuni siyafa ngamaqhwa asebusuku.
Abanye bethu balandulela ngenxa yokufunyanwa kwengqele ngaphakathi nezo nkampani azange zise nesenti kumakhaya ethu. Ndicela ivoti yakho ukuze kubekho impilo entle kuthi.
Ndize kumalungu kaASC nemizi yawo, nokuba uyinkosikazi yelungu likaASC, ndinesicelo kuwe usiphe ivoti yakho, loo voti asoze uzisole ngayo kuba kuya kube kuphume unogada ebukhobokeni.
Nokuba usisinqandamathe selungu ndiyayicela ivoti ingenza umohluko kuthi. Ndithi kwizihlobo zethu nani ndicela nisiphe nje iivoti zenu zakwenza umehluko omkhulu kuthi.
Uyazi kungenzeka kungekudala umntu azibone sengunogada kuba kungekho misebenzi kweli lizwe.
SinguASC sithi rhulumente xa umzali enamashumi amahlanu ezelwe 50 years ukutsho makasifumane isibonelelo sendodla.
Isizathu sesokuba kuthiwa xa ekhangela umsebenzi mdala, akuya kwisebe lenu kuthiwe makayokufuna umsebenzi.
Ndiyacela sanukudlala ngabantu abadala. Uthi bazokutya ntoni xa bengasebenzi bengayixhamli imali yesibonelelo.
Into yokunika abantu ukutya kum sisithuko kuba umntu xa emdala uyakwazi ukuzithengela ukutya, lilonke ndithi nika abantu imisebenzi basebenzi ze bazithengele ukutya ngokwakhe. Sithi singuASC masibuyele kula ndlela yala rhulumente wayengafuni kubona abantu abangasebenziyo kweli lizwe.
Sithi singuASC makubuye la misebenzi yayikhona mandulo yokuvalwa kweendonga nokususwa konokatyi.
Into ebuhlungu usana luphuma esuthwini luhlale ecaleni kwendlu alinamsebenzi, kanti laliwufumana umsebenzi libuye lizokutshintsha.
Sithi singuASC masifaniswe namaPolisa sifuna ukunxiba isinxibo esinye, inkampani ibenye esikuyo nomrholo omnye kuphele le nto ye-areas. Kodwa indlela yokusebenza inye nezifundo esasizifunda zazifana. Sifuna kubekho MINISTER OF SECURITY, sifuna kubekho iMEC OF SECURITY.
Le nto yamoshwa ngulo mlungu unguBARTMAN wavivitha amagazi kanogada sithi ezikaKESARE kuKESARE, kwanele ngoku sivukile ngoku. Loo maxesha okungazi sawayeka ngabom.
Ide yawa inkwethu emehlweni ethu, kungoku siyabona asizizo iimfama. Kungoku ndehlile ndizonazisa ngeendaba ezimnandi ngani nogada.
Ndithi kuni ikhwelo lityala mzi omnyama onendlebe zokuva makeve. Ndiyanibiza yizani sakheni nantsi ingontsi yenu.
Ukuze ukhululeke zikhulule ngokwakho. Sithi singuASC makulungiswe imeko yombane noko uphantsi kakhulu ngokwama units.
Phakama nogada ukhululekile ngoku. Phakama ASC qina msebenzi zizojika izinto.
Simile sithi sixolele ukubulawa ngurhulumente ngenxa yokulwela ilungelo lethu.
Sithi singu ASC izitulo zabantu abaphila nenkubazeko mazifumaneke mahala, ezi umntu akwaziyo ukuziqhubela.
Sifuna ukusebenzela iiyure ezisibhozo ngemini ngamafuphi i8 hours per day ufumane R8,500 ukusukela ngoMvulo ukuma ngoLwesihlanu kuphela .
Ukuba usebenzela iiyure ezilishumi elinesibini ngemini 12 hours per day ngamafuphi ufumane R12,500 ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu kuphela.
Sithi akuvumelekanga okokuba abemi bangaphandle bavule iinkampani zoonogada.
Sithi singuASC uPsira makazijikeleze zonke ezi nkampani ezingaqhubi kakuhle zihluthelwe iincwadi zokusebenza.
Sithi singu ASC uPSIRA makavule imobile office siyeke ukusuka ezilalini siye eBhayi siyokutshintsha idates kwiincwadi zethu zokusebenza.
Khawucinge sikhwela ngeR350 siyela iR20 qha, noko makazame enye indlela yokuhlaziya.
Xa kunokubuzwa kum ukuba angenza njani bendiza kuthi makavule ibhanki kwiidolophu zonke ezokufakwa kuyo ezi R20 abenayo nefax apho sinokuthumelisa zonke iiinkcukacha zethu zonke.
Kulihlazo noko ukungabikho kwee-ofisi zakwaPSIRA kwezi dolophu zonke. Sinesicelo kumagosa akwaPSIRA mayibe ngabantu abazenzileyo iiiincwadi zoonogada, isizathu sam sesokuba bakuyazi msinyane le meko sikuyo.
Kwanele ngoku phumani ngobuninzi niyokuvotela iASC ezise intlalakahle kubemi boMzantsi Afrika . Kweli cala laseMpuma Koloni asikabizi iofisi kuba umbutho lo mtsha kakhulu kodwa asoze uphele u2019 singenazo.
Asoze sifane noPSIRA lo kudala ekhona kodwa iiofisi akanazo. Indaba ikuwe nogada ofuna ukuphuma kobu bukhoboka sabekwa kubo ngurhulumente.
Ukuphucula le sector ixhomekeke kwizandla zethu. Masiphakameni siyokuvotela iASC 2019. Qina nogada qina! Phakama ixesha lifikile le nkululeko yenu.
Nants’ ingontsi yoonogada. Nawe yiza uzokungena engontsini. Ilizwe lafuduka kudala! Mr Nqantosi – 064 030 2145 (BCM Region), Mr Bango – 078 885 7331 (KWT region), Mr Katshwa – 078 620 2031 (BCM region), Mr Mthambeka – 078 343 9843 (Amahlathi region) kunye nombhali ondim ku083 617 3329
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika