Isikhululo semozulu kuCofimvaba

ULWAZI malunga nobume bemozulu kuCofimvaba iza kuba yinto efikelela lula nangokukhawulezileyo kubantu bale ndawo emva kokwakhiwa kwesikhululo semozulu kule dolophu liZiko leNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika.

Esi sikhululo sakhiwe kwiziko lezenzululwazi kuCofimvaba elivulwe ngokusesikweni nguMphathiswa wezeNzululwazi nezoBuchule, uGqr. Blade Nzimande, kwiveki ephelileyo.

UNzimande ebephelekwe yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane kwakunye neKumkani yabaThembu baseRhode, uDalimvula Matanzima, phakathi kwezinye izihandiba.

Eli ziko, iAlbertina Nontsikelelo Sisulu Science Centre, lixabise iR60.5 million.

Iziko lenzululwazi kuCofimvaba UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UKatlego Ncongwane, oyinzululwazi ekhokelayo kuphando lwemiba erhangqe ezempilo kwiZiko leNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (South African Weather Service), uthi esi sikhululo siza kuhlala ngokusisigxina apha kuCofimvaba.

“Siza kusisebenzisela ukuhlola imingcipheko ephathelene nemozulu erhangqe iCofimvaba, ukuze sazi futhi sibone eyona mingcipheko ngokwezendalo ejongene noluntu lwale ndawo.

“Ngokwenza oku, siza kukwazi ukuyila iimveliso neenkonzo zethu ukuze sikhuphe izilumkiso ngokuhambelana nolwazi esiluqulunqileyo kwesi sikhululo. Iinjongo kukunika ithuba abantu bale ndawo ukuze bazilungiselele futhi bazikhusele,” utshilo uNcongwane, ngethuba edlana indlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Isikhululo semozulu kuCofimvaba UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

Kwesi sikhululo kukho inkqubo yokuqikelela ubungakanani bemvula, inkqubo yokujonga ifuthe lokutshisa kwelanga, ukuhlolwa kobungakanani bomoya, kwakunye nokunye okuninzi.

UNcongwane uthi esi sikhululo siza kugcinwa ngokusesimeni yiNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika. “SineeOfisi zethu zengingqi eMthatha naseMonti, eziza kumane zisiza apha, rhoqo ngeenyanga ezintathu, ukuze sihlale sineenkcukacha ezichanekileyo esi sikhululo.”

UKatlego Ncongwane weZiko leNkonzo yeMozulu eMzantsi Afrika ecaleni kwesixhobo sokuqikelela imozulu kuCofimvaba UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UMabuyane uthe: “Eli ziko lenzululwazi liza kusinceda kakhulu ekuphuhliseni uluntu lwasemaphandleni. Le ndawo sikuyo iyathanda ukuthwaxwa zizitshingitshane nezaqhwithi kwakunye neenkanyamba. Ngoko ke siza kuncedakala ukuqwalasela izinto ezinjalo sisebenzisa ubuchwepheshe bale mihla.”

UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade uthi eli ziko liza kudlala indima ebalulekileyo kuphuhliso lwezakhono nophando kwimiba yokuphuhlisa eli phondo.

UNzimande uthi ukuziswa kweli ziko kuCofimvaba ziinjongo zikarhulumente zokusondeza ezenzululwazi nobuchwepheshe kufutshane noluntu lwasemaphandleni.

“Ngokuthatha inzululwazi siyise ebantwini, sikwakhuthaza ubuchule obuphuma ezilalini,” utshilo uNzimande.

Umfundi kaGrade 12 waseCofimvaba Senior Secondary, uMila Sikhenzi, uthe: “Xa bendifika kweli ziko ndibone izinto endingazange ndazibona ngelihlo lenyama. Eli ziko liza kusinceda ukuphendula ngcono imibuzo yezenzululwazi.”