‘Isikolo esingenayo iWIFI ngumkanja!’

“Le nto yootitshala abathi bona badala, abanokukwazi ukusebenzisa ubuchwepheshe banamhlanje, ayikho! Kwaye siye sifumanise ukuba emva konyaka nje besebenzisa ii-iPad [Tablets] baye bazithande,” oku kuthethwe nguMary Lou Berndt oyingcaphephe yezobuchwepheshe kwisikolo iStirling eMonti.

NgoLwesithathu weveki ephelileyo, abakwa-ITSI Digital Teaching Technologies, bekhokelwa yingqonyela yabo enguGqr Lieb Liebenberg, badibene neenqununu nabahlohli baseMpuma Koloni bezokukhuthaza ukusetyenziswa kobuchwepheshe babo bokufundisa abafundi ngomnatha wonxibelelwano. Ootitshala bafumane ithuba lokubuza imibuzo ngemiba efana noo “miEbooks” abasengwa kooGoogle Play, App Store nooWindows Store – nabanika abafundi ithuba lokugcina iincwadi kwifowni neeTablet zabo.

Oka Lou Berndt ebengomnye wezithethi. Intetho yakhe igxile kumba wokuba izikolo kufuneka zilwamkele utshintsho ziqinisekise ukuba zinayo iWifi kwaye abafundi bakukwazi ukufumana zonke iincwadi zabo kwiiTablet; “Thina eStirling sinenkqubo yokuqeshisa nge-iPad kumfundi ongafikeleliyo kuyo. Ubhatala iR250 ngenyanga ize ibe yeyakhe emva kweminyaka emithathu. Ikamva lemfundo likumnatha wonxibelelwano!”

Esinye sezikolo esisebenzisa iinkonzo zakwa-ITSI, iGet Ahead Project, kuKomani, sele iqinisekisa ukuba abafundi baso basebenza ngeeTablets isikakhulu.”

“Thina sinabantwana abasuka Ezibeleni, Ilinge, Mlungisi neelali ezingqonge iKomani. Bonke aba bafundi sibafundisa ngobuchwepheshe banamhlanje kwiiTablets. Asisazisebenzisi iincwadi kakhulu, sizisenga apha kwezi Tablets zethu kwaye siyonga kakhulu!” ithethe yatsho inqununu yaseGet Ahead Project, uPeter Bosman.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngeendlela zokufunda ngobuchwepheshe chwethe-chwetheza * : www.it.si