Isikolo esiqhwalelayo sifumene uncedo

Iindwendwe eziquka uMphathiswa uMandla Makupula, uJet Novuka, amagosa akwaBUCO nomasipala iBuffalo City eDumalisile eNyanisweni

“Mibini kuphela imithombo yolwazi emhlabeni; yindalo kunye nokusebenzisana komntu nomnye umntu!” kutsho uMphathiswa wezeMfundo eMpuma Koloni, uMandla Makupula, kwigumbi labafundi eDumalisile Senior Secondary School eNyanisweni ngoLwesine wale veki iphelileyo.

OkaMakupula ekhatshwa ngumdlali weqonga uJet Novuka, amagosa akwamasipala iBuffalo City negqiza lakwivenkile uBuco, bebezimase umsitho owayilwa njenge “Donate A Scientific Calculator” kubafundi bamabakala eshumi elinanye neleshumi elinesibini.

Koka2017 kwaphumelela ishumi elinesixhenxe kwikhulu (17%) labafundi bebakala leshumi elinesibini eDumalisile kwaye uMakupula unikeze ngamazwi enkxaso ekwagxininisa nokuba into enjalo ayisokuze iphinde yenzeke ngoba usinike ootitshala aboneleyo kulo nyaka esi sikolo.

Ukwaphawule nangokubaluleka kwentsebenziswano ekuqinisekiseni ukuba impumelelo iyafunyanwa.

Umdlali weqonga, uJet Novuka, unike amazwi enkuthazo naphakamisa inkangeleko yabantsundu. UNovuka ubethelele elokuba abantsundu bayafana nabamhlophe kwaye kufuneka singazijongeli phantsi. Uvale ngomzekelo olumkisa abafundi nabazali ngezona njongo zotywala ekuhlaleni; ukubulala isizwe esintsundu.

Ukanti, uSiyabulela Makunga ongumsunguli weli phulo iThe Melting Pot, uthe eli phulo kukubonakalisa lilulutho kwikamva labantwana ingakumbi abo bafunda emaphandleni.

Uthi izithwalandwe zithembisile ngokubambisana neThe Melting Pot ngeenjongo zokukhawulelana nabantwana abahlelelekileyo kwisikolo iDumalisile emva kokuba bethe bachukumiseka.

“Sibulela kubantu abenza libe yimpumelelo eli phulo, sifuna ukuzeka emzekweni kaNelson Rholihlahla Mandela ekubeni siphakame sonke silandele kumkhondo wakhe wokubaluleka kwemfundo,” utshilo uMakunga.