Isikolo esitsha sezigidi eMqanduli!

Emfanekisweni ngabantwana baseNgilosi Primary School eseMlazi eThekwini UMFANEKISO: GCINA NDWALANE

ISEBE lemfundo esisiseko namhlanje linikise ngesikolo esitsha esixabisa amashumi amabini ezigidi zeerandi (R20M) iBhekisizwe eMqanduli.


Ingxelo yela sebe ithi oku kuyinxalenye yeenkqubo zabo zokusondeza izikolo kubantwana basezilalini, kwanokupheliswa kwezikolo zodaka kumaphandle oMzantsi Afrika.


UDumani Zozo womasipala wesithili saseKSD wenze intetho ephambili egameni lalo masipala ngethuba kugqithiswa ngesi sikolo.


“Kubalulekile ukuba abantwana bafunde phantsi kweemeko ezifikelelekayo ukuze bakhuthazeke kwimfundo yabo njengabo bahlala ezidolophini,” uthethe watsho uZozo. 


Idolophu yaseMqanduli yenye yezo zeMpuma Koloni ezenza ukuba abantwana bahambe imigama emide ukuya esikolweni.

 

“Konke oku kubuyisa isidima kwimfundo yasezilalini logama sikwaziyo ukuphelisa izikolo zodaka kwintlalo yabantwana beli lizwe,” kutsho uZozo. 


IMpuma Koloni lelinye lamaphondo ahamba phambili ngengxaki yokuba nezikolo ezakhiwe ngodaka eMzantsi Afrika. Urhulumente wentando yesininzi wazimisela ukuba uzakukuphelisa ukusetyenziswa kwezikolo zodaka ukusukela ngonyaka ka1996 kuMzantsi Afrika.


“Siyazi ukuba kukho izikolo ezivalwayo ngenxa yamanani wabantwana aphantsi, ezo zikolo kungenxa yokuba zakhiwe zazininzi kwindawo, esi saseBhekisizwe sifuneka ngamandla kuba baninzi abantwana abadinga iindawo zokufunda abahamba umgama omde,” utshilo uZozo.

 

Urhulumente weli phondo ngokugunyaziswa ngurhulumente kazwelonke unikisa ngeenqwelo zokuhamba kubantwana abafunda kude namakhaya abo ngenxa yemigama emide. 


Imfundo yabaqalayo engazinzanga isoloko ityholwa ukuba ngunobangela weziphumo ezingezihle kwibanga leshumi.