Isikolo saseMthatha sifumene ikliniki

Isikolo sabantwana abangevayo nabangaboniyo iEfata eMthatha ithe yanenyhweba yokunikezelwa ngekliniki enesandi (Audio Clinic) ngumzi wakwaRoad Accident Fund (RAF) ngokubambisana neSebe lezeMfundo.

Eli liphulo likaRAF lokubuyekeza kuluntu. Esi sakhiwo samkelwe ngokusesikweni nguMphathiswa uMlungisi Mvoko noAngie Motshekga weSebe lezeMfundo kuZwelonke.

Oyinqununu kwesi sikolo sase-Efata, uYolande Mtwa, uthi iza kuncedisa kakhulu le kliniki njengoko bebenomcelimngeni ngaphambili ngoba rhoqo emva kweminyaka emibini abantwana bebevavanywa ukuze bakwazi ukufaka isicelo sokubhala iimviwo ezikhethekileyo ngenxa yeziphako zabo.

Uthi phambili bekufuneka baye ezibhedlele nalapho bebefika bafole ithuba elide okanye bafakwe kuluhlu lokulinda, nto leyo ibibaphazamisa xa kuza kubhalwa iimviwo kuba iziphumo zomntwana zithatha ixesha ukufumaneka.

UMtwa uthi kuzokubalula ngoku ngoba isebe lezeMfundo libancedise nangokuqasha ugqirha onguchwepheshe kwizandi (Audiologist) ngoku bazokutsho bakwazi ukuzenzela yonke into ngokunokwabo ngaphandle kokulibaziseka.

Esi ibisisigaba sokuqala apha kunikezelwa ngesakhiwo, ze esesibini isigaba iza kuba yifenitshala kwakunye nezixhobo zokusebenza. Nangona umzi wakwaRAF unikezele ngale kliniki exabisa iR500 000, kukhona umngeni kuba isikolo sikhalela okokuba indawo le esizinze kuyo asingomhlaba waso, koko yindawo abayiqeshileyo.

Ukuphefumla ngalo mba womhlaba, uMotshekga uthe yena ebengenalo ulwazi ngale meko, kodwa ke ethembisa okokuba bakuthi bahlale noMphathiswa uMvoko bawuchophele lo mba ukuze baze nesisombululo esisiso.