Isikolo saseQonce sigqugqise iMpuma Koloni yonke

Abafundi besikolo saseQonce, iWestbank Senior Secondary School, emva kokuphumelela ukhuphiswano lwengxoxo ngokubaluleka kobunzululwazi nobuchwepheshe eMthatha.

Konwatyiwe kwisikolo saseQonce emva kokuba sigqugqise kukhuphiswano labantwana bezikolo obe lungengxoxo ngezobunzululwazi, uqoqosho nefuthe lobuchwepheshe kushishino eMthatha.

Eso sikolo esiphume phambili kukhuphiswano lukaSafta noNRF ibe yiWestbank Senior Secondary School – ebimelwe ngabafundi abahlanu abafana noNosipho Scritch, * -Uviwe Mahobe, uOlwethu Ngolotyi, uMnandisi Phalele noBomi Gxothani.

Yonke into iqale eFort Hare University apho bekubekelwe bucala iveki yonke kushukuxwa imiba engezobunzululwazi ngabantwana bezikolo, abantu nemibutho echaphazelekayo.

Kukuloo nkqubo yocweyo apho batyhilelwe kakuhle khona abantwana ngokulindelekileyo kubo kwiingxoxo

mpikiswano.

Umqeqeshi wabo okwangutitshalakazi, uAnovuyo Kiva, uvuye kakhulu emva kokuphumelela kwesikolo sakhe.

Ibe yinto enkulu ukuphumelela kweWestbank Secondary ebantwaneni ngoba babethe izikolo ezaziwayo kwaye ngabo abaza kumela iMpuma Koloni kwitumente kazwelonke.

“Kundivuyise kakhulu ukuphumelela kwabo. Ukumela iMpuma Koloni yinto enkulu kakhulu kubo. Siye sizilungiselele kakuhle ngoba phambi kokuya kwitumente, uqale unikwe umsebenzi ekufuneka wenze uphando ngawo. Isincedile lo nto,” utshilo uKiva encokola neli phephandaba.

Omnye wabafundi abathathe inxaxheba kukhuphiswano nguMnandisi Phalele ovakalise uchulumanco olukhulu encokweni neli phephandaba emva kokubetha izikolo ezoyikwayo.

“Sonwabe kakhulu emva kokuphumelela kwethu ukhuphiswano ngoba besingenalo ithemba lokuba singaze sikhethwe thina kukho izikolo ezakhe zenza ngcono kunathi. Besingakholelwa emva kokuphumelela kwethu kodwa ke ngenceba kaYehova, sithi abakhethiweyo,” utshilo uMnandisi.