IMPUMELELO iyasetyenzelwa, kwaye uncama neziyunguma xa uzingise kuyo.
Kubenjalo nakwisikolo i-Emabhentseni Junior Secondary saseGqogqora eTsomo esiye sanikwa inyhweba yokuya kumela iphondo leMpuma Koloni kukhuphiswano lokujonga esona sikolo sinobuchule bokubonakalisa izakhono zabafundi ekusebenziseni ingqondo yokucinga kwezoshishino.
Olukhuphiswano luqhutywa yinkampani engenanto yakwenza nanto norhulumente iEducation with Enterprise Trust (EWET) ibambisene noqumrhu lakwaEskom.
Abafundi bakhokelwe ngootishala beEconomic Management Science (EMS) bangenela olukhuphiswano.
UNomfesane Dinga ohlohla iEMS Emabhentseni uthi ngethuba lolu khuphiswano abafundi bakhe bebexakekile bebonakalisa isakhono kwimisebenzi yezandla efana nokwenza iimoto zamacingo, imithungo, ukuhlohla intsimbi nokunye.
“Khange sivale nezikolo ngenyanga yeSilimela kuba silungiselela olukhuphiswano,” utshilo uDinga.
Uthe emva kwalo msebenzi unzima kuye kwafika abantu bakwa-EWET bezokujonga esi sikolo sibonakalisa umdla kolu khuphiswano.
“Emva kokuba besihlolile, baye babonakalisa ukuwuthakazelela umsebenzi wethu. Enye into ebivuyisa abantu bakwa-EWET kukuba bebengayikholelwa eyokugcwala komsebenzi wabantu basemaphandleni abafana nathi,” utshilo uDinga.
Emva koko esi sikolo sifumene umnxeba othi siza kuya kumela iMpuma Koloni eRhawutini. “Andikhange ndiyikholelwe lo nto,” kutsho uDinga.
Emva kwezindaba zintle ngesi sikolo, uDinga uyalelwe ukuba aye eRhawutini, kwakunye nabafundi ababini, kuhambo abalithathe ngenqwelo-moya.
Aba bafundi nguSisipho Zwakala noSibulele Ngqumshe. Bobabini baneminyaka elishumi elisine kwaye benza uGrade 9 Emabhentseni.
UZwakala uthi ebenalo uvalo phambi kokuqala kokhuphiswano lukazwelonke eRhawutini.
“Kodwa ndithe emva kokuba ndingene phakathi kwaphela ukoyika. Kolu khuphiswano ndizuze lukhulu, apho ndingabalula ukuzithemba kuba ndikwazile ukuthengisa iphondo lam phakathi kwabanye abantu,” utshilo uZwakala othi unqwelela ukwenza izifundo ze-Accounting xa efike kwikhabatiso le yunivesithi.
UZwakala uthi olukhuphiswano lukwamfundise ukuba anganguye usomashishini.
UNgqumshe yena uthe: “Ndiziva ndonwabile kakhulu kuba isikolo sam esisezilalini besingalindelwanga ukuba singaze simele iphondo.”
Iziphumo zokhuphiswano lukazwelonke eRhawutini zizakubuya zaziswe, ngokokutsho kukaDinga.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?