Isikolo seenkedama sifumene umbane

Isikolo soonomngqushwana iNompumelelo kwilali yaseNkqonkqweni sifumene inkxaso yezixhobo zokuphehla umbane osebenzisa ilanga UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Ngonyaka wamawaka amabini anesixhenxe (2007) uCingiwe Felejana waphantse wabona kakubi xeshikweni imoto iphosa igophe kwilali yakhe yayokugaxeleka kufuphi nabantwana ababedlala endleleni.

Le nto yabantwana abancinci abahleli nje elalini, zange imphathe kakuhle.

“Ngalo nyaka ndabhalela abakwaCaring for Orphans in Rural Areas, iCORA, ndicela ukuba bakhe basincede nathi apha,” kutsho uFelejana.

Umseki weCORA, uKathy Schultz, wasisabela esi sicelo waze, kunyaka olandelayo, wabakhela isakhiwo esinamagumbi amane kule lali. Baze bayithiya iNompumelelo Learning Centre.

Namhlanje sisikolo esigcina abantwana abangamashumi amathathu anesihlanu; baphakathi kweminyaka emithathu ukuyokutsho kwemihlanu.

Emva kweminyaka elishumi, kuthe gqi abakwaBlack & Veatch besithi bangasifakela umbane weSolar kwesi sikolo.

NgoLwesihlanu wale veki iphelileyo, sifike bexakekile abakwaBlack & Veatch begqibezela ukufaka lo mbane.

“Iyonke le nto ixabise iR140 000 kwaye iza kusinceda kakhulu esi sikolo. Baza kufaka nefriji kungekudala kwaye bakwazi nokulayita bapheke nangesitovu sombane. Umbane weSolar awuxabisi kwanto. Abazokuthenga mbane,” kutsho uHamanth Ramlatchman.