‘Isilalo ayobhekile yomqombothi’

ITSHANTLIZIYO lamalungelo oluntu, uPetros Majola, uthi amakhosikazi arhangqe iKomkhulu lakwaNtshangase eMbizana, ayefanele ukuba ayikhusele inkosikazi eyakhululiswa yaze kwela Komkhulu, kwathiwa mayabelane ngesondo, ibukelwe ngabantu, kwakunye nendoda ekwakutyholwa ukuba ikrexeza nayo.

Oku kwenzeka ngo2016, ngethuba ndoda ithile yaya kweli Komkhulu iyokubika ngokukrexezelwa ngumfazi. Inkosi yeli Komkhulu nale ndawo, uNkosi Bhekabambo Ntola, yayalela le nkosikazi kwakunye nendoda ekutyholwa ukuba ikrexeza nayo ukuba babelane ngesondo abantu bejongile.

Esi sehlo sibikwe kulo nyaka nguMajola emva kokuthelwa thsuphe ngaso. UMajola wabika kumagosa aphezulu kurhulumente wephondo kuquka namapolisa.

Emva kophando, uMphathiswa wesebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwakunye neMicimbi yeMveli, uXolile Nqatha, uye wayinqumamisela umrholo kangangeminyaka elishumi le nkosi.

Petros Majola UMFANEKISO: FACEBOOK

UMajola uthi uxolile sisigqibo seKomiti ebimiselwe nguNqatha.

“Sihle isigqibo esithatyathwe nguMphathiswa (Nqatha). La minyaka ilishumi ingarholi la nkosi, iza kwenza ukuba ikwazi ukucinga ngentloko, hayi ukusebenzisa iimvakalelo zakhe. Akwanelanga apho, sivuyela kwale nto kukho inkqubo yakwinkundla yezomthetho eqhubayo,” utshilo uMajola.

La nkosi isithobile isidima sesa sibini, utshilo uMajola ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki.

“Into endenza ndingonwabi kukubona oomama bethanda ukuhlekela into engahlekisiyo. Oomama kwakumele ukuba bame ngenyawo bathi ‘niyaxoka madoda ndini, ukuba nifuna ukubona ubumama (amalungu angasese) balo mama, yitshoni sikhulule nathi’. Oomama abazange bamlwele la mama, bavele nabo bancedisa amadoda.

“Isilalo yinto yasegumbini phakathi kwabantu ababini abavumeleneyo, ayonto yasesidlangalaleni. Isilalo ayobhekile yomqombothi, yona ephakanyiswa nangubani na,” utshilo uMajola.

UNqatha uthi kwingxelo ayifumene kwiKomiti ebimiselwe ukuphanda le nkosi, “kucacile ukuba uMnu. Ntola wenze isehlo esingafanelekanga nesilihlazo kwisikhokelo sobukhosi buphela. Ngoko ke ndiyavumelana nezindululo zale ngxelo”.