Isililo Senkedama!

Umbhali osakhasayo kwincwadi zesiXhosa uYamkela Mboniswa (27) noyinzalelwane yaseZingcuka eNgqamakhwe, nobhale incwadi enesihloko esithi ‘Isililo Senkedama’, uthi wasuswa kukubona imeko yabantwana abatsala nzima bekhula bengenabazali kwilali yakhe.

“Apha ekuhlaleni amakhaya amaninzi akhokelwa ngabantwana. Imizi ivulwe ngabantwana kwaye neengxaki zokuhlala ezifuna abantu abadala sezixoxwa ngabantwana ngenxa yokungabinabo abazali nto leyo ingemnandanga,” utshilo uMboniswa.

Uthi akumnandanga kuba abantwana ngoku bakhula benoxanduva olungapha kwamandla, bengabuvanga ubuntwana babo.

Uthi le ncwadi ingentwazana enguSinokhanyo eneminyaka elishumi elinesine ozalwa nguNosizwe, emva koSinokhanyo kuza amawele. Iqhuba ithi uNosizwe wathi esaya emsebenzini wakhe wokucholachola iitoti wadibana nesikrelemnqa esamdlwengula sambulala. Ibali lithi kulapho kwanyanzeleka ukuba uSinokhanyo abe ngumama notata ekhayeni lakhe, nowaphela ethengisa ngomzimba kuba engafuni ukubonakala engenzi nto kumawele aza emva kwakhe.

UMboniswa uthi le ncwadi uyipapashe kuDisemba ka2021 ngoncedo labakwaNkuthalo Media, eyiqale ngoNovemba. Uthi ukubhala ayonto wayiyela esikolweni koko luthando kwanento ebisuka izifikele kuye.

Uthi wenze uphando ukuze afumane iNkuthalo Media, ngaphambili wayecinga ukubhala koko engayazi ukuba kwenziwa njani xa kufuneka epapashile.

Uvale ngelithi le ncwadi izama ukukhuthaza lowo uyinkedama ujongene nobunzima emva ekhaya. Uthi izama ukunika amandla kwanokubonisa ukuba thatha onayo udibanise kongenayo uzokwazi ukufika empumelelweni.

Incwadi le ifumaneka kuye okwangoku. Okanye ukhangele uYamkela Yamzert Mboniswa kuFacebook.