Isilo esintlaluza iintloko zeegusha ziphila

Umfanekiso othunyelwe lusapho

LUSASHIYEKE lubambe ongezantsi usapho lakwaMatutu kwilali yaseLuthuthwini eMqanduli emva kwesilo esifike kolu sapho kwiveki ephelileyo sashiya sintlaluze intlaninge yeegusha.

USanuse Matutu uthi bavuke ngoLwesithathu weveki ephelileyo kukho iigusha ezingamashumi amabini anesithathu ezisilwe iintloko. Umnqa ngowokuba imizimba yezigusha zonke ishiyeke injalo, kucaca ukuba esi silo besisila nje intloko sishiye.

Ngokwengxelo yenkosikazi yolu sapho uElizabeth Nonene Matutu esi silo sifike kulo mzi phaya ezinzulwini zobusuku bangoLwesibini. Bekukho ingxolo engathethekiyo eyenziwa zizinja ezine zakwaMatutu, sabe simana ukugquma isilo esi. Ezi zinja bezimana ukungqubeka ecangweni nasezifestileni kucaca ukuba zibaleka esi silo.

Iqhubekile ingxolo, wabe uNonene exakene nento maxa wambi ecinga ukuba kufike amasela. Ngenxa yoloyiko uzivalele kwigumbi lakhe lokulala, sabe isilo sidlavuza ezi gusha ebuhlanti.

UNonene ude walifumana ithuba lokufowunela enye yamadoda eli khaya uSanuse Matutu obekweminye imizi yekhaya eli.

Ethetha nephephandaba I’solezwe, uSanuse uthe: “Ndithe xa ndithi cakatha eyadini, ndeva ngazo zigroxoza kubonakala ukuba azikafi ncam. Kuye kweza noomakhelwane, sagqiba kwelokuba makhe sijonge ukuba ingene njani le nto apha ekhaya.

“Sithe sakuqwalasela apha eyadini safumanisa ukuba ikhona imizila yesi silo. Nokuba inja ingakanani soze ifike kwiinyawo zemizila esiyibone eyadini ekhaya. Zonke iigusha ezihlaselwe sesi silo bezikroboke iintloko,” utshilo uSanuse.

USanuse uthi iimpawu zamazinyo esi silo, ngumfuziselo wesilo ebesisebenzisa amabamba ngenxa yobunzulu nobudlakadlaka kumanxeba eegusha. “Apha emzimbeni weegusha, bekukho iimpawu zenzipho zezisilo futhi nazo zinzulu,” utsho uSanuse.

Eyona nto siyityileyo esi silo kwezi gusha yimpumlo, ulwimi, ukuza kuqabela apha emehlweni.

“Amathambo omphambili wentloko nawo siwantlantlathile,” utsho uSanuse. USanuse uthi esi silo asiyongqawa futhi ingeyiyo newonci. “Iimpawu zesi silo zikhomba kwihlosi okanye ingcuka. Ndikutsho kuba ilali yethu irhangqwe ngamahlathi,” utshilo uSanuse.

Ngokwendalo, izilo ezithanda ukutya iigusha ngudyakalashe, umvolofu kwakunye nengcuka. Noxa kunjalo, udyakalashe kwakunye nomvolofu akoyikwa kakhulu zizinja futhi imizila yazo yeenyawo ayohlukanga kweyenja. Yingcuka eyoyikwa zizinja ngenxa yoburhalarhume bayo futhi ingaphezulu enjeni ngokwesithomo. Ihlosi alinambali yokutya iigusha, ngaphandle kokuba belidandathekile lilahlekwe sisiza salo.

Usapho lakwaMatutu kunyanzeleke ukuba lubize ilali yonke izokutya loo nyama yeegusha. UMatutu uthi bawaxelele amagosa ezolimo kwakunye namapolisa malunga noku.