Isilumkiso kubafundi bethu!

Sifumene iingxelo ezixhalabisayo zokuba kukho abafundi bephephandaba lethu abathe bawa emgibeni wokuphulukana nemali yabo kwintsebenziswano yabo nezangoma ezithi zipapashe iintengiso kwi-Is’olezwe LesiXhosa.

Sithanda ukulumkisa abafundi ukuba akumele bahlawule imali nje nokuba kunjani, kaloku baninzi oozungul’ ichele phandl’ apha.

Nangona siphantse siqiniseke ukuba inkoliso yezangoma ezipapasha imisebenzi yazo apha kweli phepha zenza kanye njengoko zithembisa, kodwa siyanilumkisa sisithi phambi kokuhlawula, qiniseka ukuba awuqhathwa okanye uqatywe ibhotolo emehlweni.

Siyanibongoza ukuba ningangeni emgibeni niwubona! Enkosi!

– Vukile Sonandzi, uMhleli