ABAFUYI bamahashe bacelwa ukuba bathi gqolo ukugonya amahashe abo ukuthintela isifo esibulala amahashe esaziwa njengeAfrican Horse Sickness (AHS).
Esi siphakamiso siphuma kumlawuli oyintloko kwiinkonzo zonyango lwezilwanyana kwisebe lophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uGqirha Lubabalo Mrwebi.
Esi sifo sixhaphake kakhulu ekuqaleni konyaka emva kweemvula zokuqala kwehlobo, kodwa ngenxa yokuba kunqongophele imvula akukabikho ndawo sithe sabikwa kuyo kweli laseMpuma Koloni kweli hlobo, ngokokutsho kukaMrwebi.
UMrwebi uthi noxa kunjalo, abafuyi bamahashe bafanele ukuba benze ugonyo kumahashe abo ngamaxesha onke, ukunqanda ukosuleleka nanjengoko enciphe kakhulu amathemba okuphila kwehashe elineAHS.
“Bakhona oogqirha bezilwanyana bakarhulumente kwiziza ezingamashumi amabini anesithandathu kweli leMpuma Koloni. Abafuyi bamahashe bangayobuza kwii-ofisi zabalimi bakarhulumente ezikufuphi nabo malunga namayeza okugonyela iAHS,” utshilo uMrwebi.
Isifo seAHS ngumkhuhlane osasazwa ziimbuzane emva kweemvula zehlobo.
Iimpawu ongathi uyiqaphele ngazo iAHS kuquka ukudumba kwentloko nemifinya okanye amagwebu aphuma kwiimpumlo zehashe.
Ngonyaka ka2001, iAHS yagqugqisa imimandla eliqela eDutywa apho yashiya amahashe amaninzi efile.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns