Isilumkiso kubantwana abazakuqubha elwandle

Kuzakuthi bhazalala abazali kwanezihlobo bekhupha abantwana babo bebasa kwiindawo zokudada ezifana namalwandle kwakunye neepuli.

Amapolisa ephondo leMpuma Koloni abongoza abazali kwanakwizihlobo ekubeni bahlale bebeke iliso labo ebantwaneni xa bedada.

Eli xesha leeholide zokuphela konyaka lixesha elitsala amawaka-waka abantu kwiilwandle zephondo ezifana ne-Eastern Beach eMonti, iKings Beach eBhayi, iQholorha kuCentane, iQhorha neDwesa kuGatyana, iCoffee Bay eMqanduli, iSecond Beach eSajonisi ukubala nje ambalwa.

Amapolisa athi ayacela ukuba ongakwaziyo ukuqubha angabisaqala kwaye angavunyelwa ukuba aqubhe elwandle.

Ukanti kwanabo basele utywala, bayacelwa ukuba bacwezele kude namanzi.