Izanuse zemozulu kweli leMpuma Koloni zilumkisa abaqhubi beemoto noluntu ngemimoya ebhudla ngamandla ezindleleni.
AbakwaSouth African Weather Service bathi kukho umoya obhudla ngamandla eBuffalo City naseNelson Mandela Bay.
Lo moya uqale ukubhudla kubusuku bomhla weshumi elinesithathu kule nyanga, iThupha yinyanga ehlala inomoya kuninzi lweendawo zeMpuma Koloni.
Othethe egameni leSebe lezothutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uyakuqinisekisa oku. “Besinemeko enje kwisithuba senyanga egqithileyo, ngelishwa kukho abantu abathe bachaphazeleka kabuhlungu,” kucacisa uBinqose.
Lo moya kuthiwa uvuthuza ngesantya esiziikhilomitha ezilikhulu elinamashumi amabini ngeyure. “Oku kusikhumbuza imeko yemozulu embi ethe yahlasela iMpuma Koloni ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala kuhola wendlela uN6,” kutsho uBinqose.
UBinqose ubongoza abaqhubi ukuba baqhube ngobunono ezindleleni ingakumbi eBuffalo City naseNelson Mandela Bay.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi