Isilumkiso kuluntu!

Amapolisa aseCambrigde eMonti aphanda amatyala amabini obuqhetseba emva kokuba amadoda amabini athe avula ityala lokuba agqejwe ngamakhosikazi amathathu azenza asebenza kwinkampani yeefowuni uVodacom.

La makhosikazi, azenza athengisa amakhadi kwakunye ne-airtime kudederhu lweevenkile iVincent Park.

Ingxelo ephuma kwisithethi samaPolisa aseCambrigde uKapteni Mluleki Mbi, ithi aba barhanelwa babiza abantu bebaxelela ngezinto abanokuthi bazixhamle kweli khadi. 

Kuthiwa bathathe iifowuni zala madoda mabini ngokokuhlukana kwawo, bewaxelela ukuba baza kubajongela iipoyinti zabo efowunini kanti kungethuba bebagqebha imali.

UMbi uthi emva kokuba emkile amaxhoba aqaphele ukuba iimali zawo zimkile ebhankini xa ebona umyalezo. 

Abarhanelwa basebenzise isixhobo esisetyenziswayo sokuthumela imali (ewallet) ngethuba bezenza ingathi bajongela amaxhoba iipoyinti.

Amapolisa abongoza uluntu luhlale luthe qwa kwaye lunganikezi ngeefowuni zalo.