Isilumkiso kwabasela bekhulelwe

Makuphezwe ukudlalela etywaleni kumanina akhulelweyo kuba oko kungabulala ingqondo kolo sizana losana kudale nokukhubazeka kulo.

Oku kuthethwe ngethuba ikampani yodidiyelo tywala eyaziwa ngokuba nguSouth African Breweries (SAB) ibambisene nekampani ebizwa ngokuba ngu Eastern Cape Liquor Board (ECLB) bezibambe umsitho wokwazisa ngeziphumo zophando olwenziwe kwenye yeelokishi zaseBhayi nobelubandakanya abantwana abafunda kumabanga basaqalayo.

Ongusomaqhuzu kwikampani yakwa-ECLB uKhanyile Maneli uthe, utywala bungunobangela wezinto ezimbi nezidungadunga umzi, esithi ukugxuphuleka etywaleni kwamantombazana yenye yazo. Uthe ukusela kwabamithiyo kuba neziphumo ezibi, kwaye kuchaphazela abo bangekazalwa.“Siyikampani yakwaSAB sizakuzibandakanya ngokupheleleyo sibambisene no- ECLB sisebenzisana ukulwa lo mtshabalalisi.”

ULeana Olivier oyingqonyela yombutho obizwa ngokuba yi-Foundation for Alcohol Related Research (FARR) nobekhokela olu phando uthe, basebenzise izikolo ezilishumi elinesine kwilokishi yase- Bethelsdorp naseHelenvale baza bafumanisa ukuba yi 13% yabantwana abachaphazeke kwisifo iFASD, sifo eso esibangelwa kukusela kwabathweleyo. Uthe olu phando lwaqala ngonyaka ka 2013, kwaye lusezakuqhubeka ukuya ku2017 ngokuncediswa nguSAB no ECLB.

“I-FASD, ibandakanya, iFAS iFetal Alcohol Syndrom ebandakanya ukufa kwengqondo ingasebenzi kakuhle isibetho esibuhlungu. Limalunga ne 75% uninzi lwamanina angacwangcisiyo, nto leyo ibangele ukuba banxile babe mdaka ngenxa yokuba besithi bacima iintlungu, nesuntswana eli le wayini komithiyo liyayonakalisa impilo yosana,” uthethe watsho.