Amapolisa aseMpuma Koloni akhuphe isilumkiso kwabo bathe gqolo ukuqhubekeka nokuthubelezisa umyalezo ngefowuni nodala unxunguphalo eluntwini.
Lo myalezo utyhutyhatyhutyhayo uthi abantu baseQonce naseMonti mabangayi edolophini kule veki kuba baza kudutyulwa babulawe liqela loonqevu laseGqeberha.
Obambele njengoMkomishinala eMpuma Koloni uNjengele Thandiswa Kupiso, uthi abo bathe gqolo ukuthumela le miyalezo bakujongana nengalo yomthetho.
Ngokwengxelo ephuma kuBrig.Tembinkosi Kinana, ithi abakwicandelo lesipolisa sele bebekiwe ekubeni baqalise uphando malunga nalo uqalise ukwenza lo myalezo nodala ixhala ekuhlaleni.
Abahlali bakwabongozwa ukuba lowo uthe wafumana lo myalezo angawuthumeleli komnye koko awucime kuba udala uloyiko eluntwini.
Abahlali bakwabongozwa ukuba beze ngaphambili namagama abo babaziyo benze lo myalezo kwenzele beze nomkhondo kwanenyaniso malunga noku.
Le miyalezo ityhutyhayo I’solezwe lesiXhosa liyimamele nalo, apho ilizwi lomntu obhinqileyo liyalela abantu ukuba bangayi edolophini.
“Hey! kuthwa nidlalele kude edolophini kuba umkhosi wendoda edutyulwe ngeCawa eQonce uyeza uza kubulala kwanto edolophini.”
Abanolwazi bangatsalela u0860010111 okanye baye kwizikhululo ezikufutshane nabo ukuncedisana namapolisa.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10