Isilumkiso ngezantyalantyala zemvula eMpuma Koloni

Abeenkonzo zemozulu balumkisa uluntu ngezantyalantyala zemvula, ingakumbi kwiphondo leMpuma Koloni apho kulunyukiswe ngezandyondyo zemvula ezingadala iimpuphuma kwaneengozi ezindleleni.

Ngokwale nkonzo yemozulu, ezi zantyalantyala ziqala ngoLwesihlanu, umhla wesibini kweyeDwarha. NgoMgqibelo imvula kulindeleke ukuba ibekumlinganiselo we-50mm kumzantsi-mpuma weMpuma Koloni.

“Iimpuphuma zilindelekile kwimimandla yamatyotyombe, ezindleleni, kwiindawo ezikwimihlaba ethe vongqo kwanakwiibhulorho. Kuza kuba nzima ukuqhuba imoto kwiindawo ezineendlela zegrabile kwaye kungakho neengozi zemoto ngenxa yeendlela ezimtyibilizi. Ezilalini, izilwanyana mazikhangelelwe indawo yokhuseleko,” itshilo le nkonzo kwimbalelwano.

Uluntu lucetyiswa ukuba luhlale ezindlini, xa oko kukwazeka, kwaye lulumkele iindawo ezineempuphuma kwanemilambo.