Isilumkiso ngomkhuhlane wezilwanyana, osulela nabantu!

Ihlobo alifikanga ligalelekile, kwaye imvula ethe xhaxhe, njengoko ziqikelela izanuse, ithetha ukuba aza kuba liqela amathuba omkhuhlane iRift Valley.

IRift Valley Fever (RVF) iqapheleka ngophunzo kwizilwanyana kwanokufa okudlangileyo kwimigqeku. Lo mkhuhlane wenzeka kwimimandla eyome kakhulu ize emva kwethuba ifumane iimvula ezinkulu neempuphuma.

Lo mkhuhlane uhlasela iinkomo, iigusha, iibhokhwe, iinkamela, iinyathi kwakunye nabantu. Usasazeka ngeengcongconi ingakumbi ngexesha leemvula ezingaqhelekanga. Ingcongconi ethwele iRVF iyakwazi ukosulela umntu ngalo mkhuhlane.

Iimpawu zeRVF emntwini ziquka ukuphelelwa ngamandla, izihlunu ezibuhlungu, umqolo obuhlungu nesiyezi. Ukanti abantu bangayifumana iRVF ngokusela ubisi okanye ukuxhela eso silwanyana sosulelekileyo.

Isebe loPhuhliso lwamaPhandle kwanoHlengahlengiso loMhlaba, eMpuma Koloni, lithi izanuse ziqikelela ukuba iza kuthi xhaxhe imvula kweli hlobo nasekwindla, nto leyo eza kwandisa amathuba eRVF.

Akukho chiza lokunyanga iRVF, ngoko ke abafuyi bayakhuthazwa ukuba bagonye. Iinkcukacha ziyafumaneka kumagosa ezolimo karhulumente kwanakwikhemesti yezilwanyana ekufutshane nawe.