ISILUMKISO esiphuma kwiGunya-bantu lezoTshutshiso (NPA) sesokuba abo badla umhlala-phantsi mabasoloko bevundlile, bohlukane nabantu abathi bazakwenza iimali zabo abazisebenzele iminyaka, ziphinda-phindane.
Esi sisilumkiso siza emva kokuba inkosikazi elixhwele yaseUganda uGladys Nomutebi ithe yagwetywa iminyaka elishumi yinkundla yengingqi yaseMthatha emva kokufunyanwa enetyala lokubhunyula imali engamawaka angamakhulu amane (R400 000) kwititshalakazi edla umhlala-phantsi.
Nomutebi ufunyenwe enetyala lobuqhetseba emva kokuba waqhatha uPatience Pumla waseNorth Crest eMthatha esithi uzakukholisa izinyanya zikaPumla ukuba zenze imali yakhe iphinda-phindane.
UNomutebi wadibana noPumla, kasomashishini uAndrew Kabeera.
Ixhoba uPumla wakhupha imbilini yakhe kuKabeera yokuba ulandelwa ngamashwa.
Ukuva oku, uKabeera waye wamdibanisa noNomutebi.
Isithethi seNPA uLuxolo Tyali uthi ukutyiwa kwemali yalo mama kuqale kwinyanga yoMnga ngo2013 de yayakuba ngunyaka ka2015, oko emane efaka imali ebhankini kaNomutebi yade yabe ifikelela kwiR400 000 njengoko ixhwele eli le lalimane lisithi ifunwa zizinyanya le mali kaPumla.
UTyali uthi uPumla phambi kwenkundla uye wazivuma zonke izono abekwa zona yinkundla. Umrhanelwa ishishini lakhe ebeliqhubela kumbindi wedolophu eMthatha.
UPumla ebemane etyelela amatyeli nagamatyeli kuNomutebi kusithwa makayomamela ukuba izinyanya zithini na nalapho bekusithwa zifuna imali makongeze kuleyo sele ikhona.
Ukanti uKabeera yena ugwetywe ishumi elinesihlanu leminyaka engaphakathi ejele emva kwamatyala obuqhophololo nobuqhetseba.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?