Isilumkiso sikaEskom kwabezopolitiko

Iqumrhu elinkinkisha umbane uEskom ulumkisa oosopolitiki esithi mabayeke ukuxhoma amaqwakuqwaku abo okugaya inxaso yolonyulo loorhulumente basemakhaya oluzayo kwiipali zabo kwanakwizikhululo zombane zabo njengoko zinobungozi.

Abakwa-Eskom bathi oku kukulumkisa kwanokukhumbuza uluntu ukuba umbane wabo kwezi pali nakwezi zikhululo (mini-substations) umbane ukhona ngalo lonke ixesha, kwaye xa unjalo uyingozi lowo ubambayo nosondelayo angonzakala ngokumasikizi okanye abhubhe.