Isimanga sezibalo

Nangona linyukile inani lokuphumelela kwabafundi bebakala le12 laya kuma kumyinge wama80% okokuqala kwimbali yoMzantsi Afrika, wothuse kakhulu umbiko wokuba bambalwa mpela abafundi abaziphumelele emagqabini izifundo zeZibalo.

Mhla kwafika lo mgaqonkqubo mtsha kwimfundo esisiseko yabantwana bethu, iziphathamandla zaqwalasela ngokweso lokhozi ukuba uninzi lwabantwana luyohluleka ekumelaneni nobunzima kwanokuntsokotha kwezifundo zezibalo, izifundo zemathematika.

Ngenxa yesi sizathu, abantwana abaninzi bakhuthazwa ngabazali kwanootitshala babo ukuba xa besoyiswa zizifundo zezibalo, mababhenele ekuthatheni izifundo ezigxile kulwazi olubanzi ngezibalo, zifundo ezo zibizwa ngeMathematical Literacy ngolwasemzini.

Eneneni ke abafundi abaninzi, ingakumbi abantwana bethu kwizikolo zethu, baphela besenza le Mathematical Literacy, kuba ke nabo basuke bazibone njengoovilavoco abangamagwala awoyika ngokoyikiswa.

Saphela esa sibindi sasinaso thina, esi sasisithi nokuba sifunda phantsi kwemfundo eyayichazwe njengaleyo isilungiselela ubukhoboka nokukhonza abanye abantu ubomi bethu bonke, imfundo eyayisaziwa ngeBantu Education, akukho zifundo siza kuzoyika, kuba sasinesibindi sokukholelwa kwelokuba xa into ingenakukubulala okanye ikwenzakalise, ginya ilitye ungene kuyo uye kuzivela phambili.

Ingxaki yokuqala yale Mathematics Literacy yeyokuba umntwana owenze yona, akakwazi tu ukungena kuzo naziphi na izifundo nemisebenzi edinga izibalo nakuwaphi na amaziko emfundo enomsila.

Okwesibini, le Mathematics Literacy, kuthi phambi kokuba umntwana abonwe ukuba angamelana kusini na nezifundo zamaziko emfundo enomsila, yona nezifundo zeLife Skills okanye Life Orientation, zibekelwe bucala zingabalwa nokubalwa, kuba kumaziko emfundo ephakamileyo, ezi zifundo zifana ngokungathi zizifundo nje zokudlala okanye inkcithaxesha.

Egameni ke lokuba abantwana bethu babe banazo izifundo eziyelele kwizibalo, bakhuthazwa ukuba benze ezi zifundo zingolwazi lwezibalo, kuba bebonwa besoyiswa zizibalo ngqo.

Eyona nto ibuhlungu neyothusayo kukuba naba bantwana sele bekhethe ukwenza izibalo gqibi, kube nzima kubo ukuziphumelela emagqabini.

Ngokwamanani akhutshwe liSebe lezeMfundo esiSiseko, abantwana abaphumelele izibalo ngendlela encumisayo abafikanga nakumyinge wama30% kuMzantsi Afrika uphela.

Oku kuthetha ukuba, abantwana abangaqhubanga kakuhle okanye abatshonileyo kwizifundo zezibalo, bamalunga nama70% omyinge ekhulwini.

Oku ke kuthetha ukuba bambalwa kakhulu abantwana abaphumelele imatriki kumnyaka ka2019 abaza kungena ngaphandle kobunzima kumaziko emfundo enomsila. Oku kukwalatha nokuba bambalwa kakhulu abafundi abaza kuba nethuba lokwenza izifundo ezidinga nezigunyazisa impumelelo egqwesileyo kwizibalo kumaziko emfundo enomsila.

Ngenxa yeziphumo ezibi kwizibalo jikelele, baza kuba mbalwa abantwana abaza kufundela ubugqirha, ubunjineli, ubunzululwazi, ubungcali bokuzoba, ubungcali bokwakha, ubungcali bobugcisa okanye itheknoloji kwanezinye iinkqubo zemfundo ezigunyazisa impumelelo kwizibalo.

Xa uphinda uyijonga nzulu le ngxaki yesimanga sezibalo, ibetha kakhulu umntwana ontsundu ngaphezu kwalowo wasemzini. Nokuba ke niyandilwa nindinyembe kule imbono, akunani, kakade kuf’ayayo!

Xa unokuthelekisa amanani abafundi abaziphumeleleyo izibalo, ndiphantse ndiqiniseke ukuba uya kufumanisa ukuba baliqela abo baphuma kwizikolo zasemzini kunaba baphuma kwezethu izikolo.

Oku kutolike ke ngokungafihlisiyo ukuthi, abantwana abaliqela abaza kwenza izifundo ezigunyazisa izibalo kumaziko emfundo enomsila, ngabo basemzini okanye baphuma kwizikolo zasemzini ubukhulu becala.

Kaloku ezona zikolo zinezixhobo, izixokelelwano noovimba abanokuncedisa ekufundeni nasekufundiseni izibalo kwanezinye izifundo ngokugqwesileyo, zizikolo zasemzini.

Nokuba uyathanda okanye awuthandi, nokuba uyafuna okanye awufuni, ngenxa yezi ziphumo zibi zemathematika, undalashe owawuchaphazela umntwana ontsundu usemi, awukajiki, awukayi ndawo.

Abantwana bethu abaninzi baseza kwenza izifundo ezingadingi zibalo, ngeli lixa abasemzini nabo baxhamle kwimfundo yasemzini, iza kuba ngabo ababonakala bebaninzi kwizifundo ezinezibalo phakathi.

Kazi iya kuze ilungiswe nini na le ntsindabadala yezibalo ezinyusa umnqantsa kubafundi bale mihla xa bebonke, kungakhethe mvelaphi?

Ingaba izibalo ezi zinzima ngenene okanye zenziwa nzima ngabom, ngezizathu ezithile?

Ndibuza nje kukungazi nokuxakwa. Ndibuza nje kukucela kuziwe necebo nesisombululo kwesi simangandini sezibalo kwimfundo yabantwana bethu!