Isimemelelo sendodla eqala ku-18 ukuya ku-59

NGABANTU abaphantse bafikelele kwizigidi ezilishumi abe bethe bafaka isicelo kwisibonelelo (Covid-19 Social Relief of Distress) seR350 sikarhulumente, kodwa kwabo bantu abakwizigidi ezithathu, ziye azaphunyezwa izicelo zabo.

Ilizwe loMzantsi Afrika lineqondo lenzala elikwi30.8% emva kokuba uhlumo kwezoqoqosho lwehle nge6.6%.

Oku kwenza ukuba isithembiso sikaMongameli Cyril Ramaphosa, samathuba engqesho xa kuphela unyaka ka2021, ibe yinto eyekeyeke, ngokokutsho kombutho olwela amalungelo oluntu iBlack Sash.

Ukrozo oluya kwisibonelelo sikarhulumente seR350 UMFANEKISO: Zanele Zulu/African News Agency (ANA)

IBlack Sash ithi isisombululo kukuba kubekho isibonelelo sesigxina semali sabantu abangaphangeliyo (Basic Income Support), iqale kwiminyaka elishumi elinesibhozo (18) ukuya kumashumi amahlanu anesithoba (59).

“Urhulumente makasandise esi sibonelelo (seR350) de kuphele unyakamali ka2020/21 emva koko afake isibonelelo sabangaphangeliyo (Basic Income Support) ngokusisigxina,” itshilo iBlack Sash kwimbalelwano.

Ingxaki ejongene nabemi beli yintswelongqesho nendlala. “Into efunekayo sisibonelelo semali kwabo bangakwaziyo ukufezekisa iimfuno zabo,” kutsho iBlack Sash.

Yimibutho engenanto yakwenza norhulumente engaphaya kwamashumi asixhenxe exhasa eli phulo lokuba kubekho indodla yabangaphangeliyo (18-59). Ngokuhlwa kwangoMvulo, bebesele beyi278 880 abantu abatyikitye ngelokuxhasa eli phulo kwiwebhusayithi ethi Amandla.mobi petition.

Kwintetho yakhe yobume besizwe, uRamaphosa uthi eli lizwe lehlelwe kakhulu luhlumo loqoqosho kwaneqondo lentswelongqesho eliphezulu. “Iqondo lendlala liphezulu. Ukungalingani kuyanwenwa,” utshilo uRamaphosa.

URamaphosa uthi iinkqubo ezimiselwe ngurhulumente zibonisa ukuba ukudaleka kwamathuba engqesho kwakuba ngcono ngo2021.