Isimemelelo sokuvalwa ngci kweSajonisi

UZimasa Mancotywa waseSajonisi umemelela kwiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ukuba ayivale ngci iSajonisi UMFANEKISO: Facebook

Abahlali baseSajonisi bafuna ivalwe ngci (shutdown) le dolophu ukunqanda ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona.

Isingcwabo esasibanjelwe kwilali yakwaMajola siyenze le dolophu yayenye zeendawo eziyenza ukuba ibe ngundabamlonyeni iSajonisi.

Bangaphaya kwamashumi amane abantu abanentsholongwane yeKhorona eSajonisi emva kokuzimasa isingcwabo saseMajola.

Urhulumente ubhengeze ukuba ukusukela ngomso, umhla wokuqala kuCanzibe, ilizwe liza kungena kwisigaba sesine (Level 4) apho kulindeleke ukuba babuyele emsebenzini abantu abakwi-1.5 million. Into engaphaya kwenyanga, ilizwe belikwisigaba sesihlanu (Level 5), apho amashishini aliqela ebengavunyelwanga ukuba asebenze.

Ukuvulwa kwakhona kwamashishini ziinjongo zokuqhubela uqoqosho ukuba lubuyele esiqhelweni, utshilo uMongameli Cyril Ramaphosa.

Kodwa uZimasa Mancotywa, waseSecond Beach Road eSajonisi, uthi abantu baseSajonisi kufuneka bahlale ezindlini kungenjalo banyanzelwe ngabezomthetho.

UMancotywa uqale isimemelelo sokuba iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane agunyazise ukuvalwa ngci kweSajonisi.

UMancotywa usiqale kwiwebhusayithi iChange.org ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi esi memelelo.

Injongo yakhe kukuba sityikitywe ngabantu abangamakhulu amahlanu (500). NgoLwesibini, bebesele bengama-459 abantu abasele betyikityile.

UMancotywa uthi: “ISajonisi yenye yeendawo ezoyikekayo kule ntsholongwane ngenxa yala mngcwabo waseMajola. Abantu abangaphaya kwamashumi amane bafunyenwe benayo le ntsholongwane emva kwesa singcwabo.”

“Into embi kukuba noxa kukho loo ngxaki nje abantu abakayithatheli ngqalelo le nto yokuba mabahlale ezindlini. Imbi into yaseSajonisi. Into esiyifunayo kukuba ivalwe la dolophu,” kutsho uMancotywa.

UMancotywa ukwakhalazele ukunqongophala kwabezomthetho eSajonisi. Uthi xa kusiyiwa kuLevel 4, iza kuba yingxaki into yaseSajonisi.

“Abanye abantu abayithatheli ingqalelo into yokukhusela ubomi babo. Into efunekayo kukuba kuqiniswe umthetho.

“Isimemezelo sethu sifuna siye kwiOfisi yeNkulubaphathiswa.

“Siyithathele ingqalelo into yomcimbi wokutya. Siza kuthetha neenkokheli ukuze kubekho indlela yokuba ukutya kuye ebantwini,” utshilo uMancotywa.

USodolophu waseSajonisi uNomvuzo Mlombile Cingo ukhe wacebisa kwenye yeempelaveki kule nyanga kaTshazimpuzi ukuba abantu bakhe bangayi edolophini.

Oku kwagxekwa ngabanye abantu besithi uCingo uzenzela umthetho. UCingo waxolisa esithi ebezama ukunqanda ingxinano edolophini.