ISIMEMO: Isebe lezabaSebenzi lityelela kwa-NU 7eMdantsane

ISEBE LEZABASEBENZI LIYANIMEMA KWINDIBANO YOKWAZISA ULUNTU KABANZI NGEENKONZO ZALO.

Ukusukela kwimithetho yabasebenzi (labour legislation), UIF-blue card, ukuncedisana noluntu ngendlela zofuna umsebenzi kunye nengxelo yokuncedisana nalowo uthe wonzakala esemsebenzini.

Ngalo mhla kuza kube kukho namanye amaSebe ezokunikezela ngezawo iinkonzo.

Nceda uphathe isazisi sakho (ID) ukuze ukwazi ukuncedakala.

Iinkcukacha zale ndibano zime ngolu hlobo:

Umhla: 23 November 2019

Indawo: N.U. 7 Community Hall, Mdantsane

Ixesha: 08h00-15h00